ISITYHILELO 6
6
Ukuvulwa kwamatywina
1Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zoné, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone. 2Ndabona, nalo ihashe elimhlophe; lowo ke wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise.
3Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone. 4Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
5Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali• sokulinganisa esandleni sakhe. 6Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zoné, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo,• neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.
7Xa yalivulayo elesiné itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesiné lisithi, Yiza ubone. 8Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufá igama lakhe, nelabafileyo lilandelelana naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesiné somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba.
9Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo. 10Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba? 11Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.
12Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; 13yathi inyanga yaba njengegazi; zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu. 14Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo. 15Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba. 16Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana; 17ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?
Currently Selected:
ISITYHILELO 6: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: