1 KAPETROS 3

3
Amakhosikazi namadoda awo
1Ngokukwanjalo ke amakhosikazi makawalulamele amadoda awo. Amanye amadoda angekakholwa, xa ebona ukuziphatha kakuhle kwamakhosikazi, angazibhaqa selekholwa engakhange awuvule umlomo wona amakhosikazi. 2Ukunyaniseka kwawo, nenzondelelo yawo, iya kuzibonakalisa. 3Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. 4Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo. 5Yayisisihombo samakhosikazi angcwele amandulo ke eso. Ayethembele kuThixo, elulamela amadoda awo. 6Wayenjalo uSara. Wayelulamela uAbraham esithi “mhlekazi” kuye. Niziintombi zakhe ke nina ukuba nenza okulungileyo ningenaxhala naloyiko.
7Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
Ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa
8Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane. 9Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo, 10nanjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
11Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
12Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”
13Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo? 14Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku. 15Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo. 16Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu. 17Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi. 18Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo, 19waza waya kushumayeza imiphefumlo eseluvalelweni. 20Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi. 21Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu 22owenyukela ezulwini, ohleli ewongeni ngakuThixo, elawula zonke izithunywa zezulu nooziphathamandla noomagunya bakhona.

Currently Selected:

1 KAPETROS 3: XHO96

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena