UYOBI 10
10
UYobi: Khawundiyeke ndiphumle
1“Kwowu, ndidikiwe bobu bomi!
Ngoko ke ndosuka ndithethe utyhatyhiwe,
isikhalo sam ndisitsho ndibindekile!
2Ewe, ndiya kuthetha naye ndithi:
‘Ngani ukuba undigwebe, Thixo?
Hayi kaloku, ndazise ityala kuqala.
3Ikunceda ntoni wena ingcinezelo enje,
ukutshabalalisa umsebenzi wezandla zakho,
uze uthelele amacebo ezikhohlakali?
4Ngaba amehlo akho afana nawabantu na?
Ngaba nawe ubona njengomntu?
5Ngaba imihla yakho ifana neyomntu?
Ngaba iminyaka yakho ifana neyakhe na?
6Ngani ke ukuba ugqogqe iziphoso zam,
uzingelane nesono sam?
7Kaloku uyazi ukuba andinatyala,
ibe ke futhi uyazi ukuba akekho ongandihlangulayo esandleni sakho.
8“ ‘Ndenziwa nguwe nje, ndabunjwa zizandla zakho,
ngaba ngoku uza kujika unditshabalalise?
9Khumbula kaloku ukuba wandibumba njengodongwe!
Ngaba ke ngoku uza kundivuthulula ndibe luthuli?
10Andithi na kaloku wandithulula njengobisi,
ndaza ke ndakhanywa njengengqaka?
11Kaloku wandibumba ngamathambo nemisipha,
wandinxibisa inyama, wandambathisa ufele.
12Wandinika ubomi, wandambesa ngezibele;
undinonophele ke wandixhasa.
13“ ‘Kambe ke zonke ezi zinto undifihlele,
kuba le ibiyinjongo yakho kakade.
14Kaloku wena ube ugade ukuba ndone
ukuze undigwebe ngenxa yesono sam.
15Ukuba ke ndisisikhohlakali kunyembelekile kum!
Kambe ke noba ndililungisa andinaqhayiya,
kuba ndibandezelekile, ndambethwe lihlazo.
16Noba ndingade ndiqholose wena ungandizingela njengengonyama,
uphinde wenze kum ngokwaloo mandla akho amangalisayo.
17Usoloko unamangqina andintywiliselayo,
ibe ke nengqumbo yakho iyakhula ngakum,
kuba uyaphindelela ukundihlasela.
18“ ‘Kwakutheni ukuze undiyeke ndizalwe?
Awu! Akwaba ndandife ndingekalanywa naliliso eli!
19Ngoku ngendifana nongazange abekho,
kuba ngendavela nje ndasiwa engcwabeni.
20Ewe, bufutshane kambe ubomi bam!
Hayi khona, khawundiyeke ndikhe ndiphumle kancinane!
21Kaloku ngoku ndiyahamba,
ibe ke soze ndibuye;
ndiya kwilizwe lethunzi nobumnyama.
22Ewe, ndiya kwilizwe lobumnyama namathunzi,
nelesithokothoko sobumnyama,
apho ukukhanya kufana nobumnyama.’ ”
Currently Selected:
UYOBI 10: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.