Kwangaloo mini uYesu waphuma endlwini, waya kuhlala ngaselwandle. Sahlanganisana ngakuye isihlwele, saba sikhulu kangangokuba yena waya kukhwela esikhitshaneni, wahlala kuso. Isihlwele sona sema elunxwemeni. UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba. Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa. Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. Oneendlebe zokuva makeve.”
Funda UMATEWU 13
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMATEWU 13:1-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo