Kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; yaye yonke indimbane yema elunxwemeni. Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa. Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
Funda uMateyu 13
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uMateyu 13:1-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo