UNEHEMIYA 7
7
1Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi. 2Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu. 3Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”
Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo
4Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa. 5Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo: 6Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo, 7ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.
Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8inzala kaParoshe | 2 172 |
9inzala kaShefatiya | 372 |
10inzala ka-Ara | 652 |
11inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi | 2 818 |
12inzala kaElam | 1 254 |
13inzala kaZatu | 845 |
14inzala kaZakayi | 760 |
15inzala kaBhinuwi | 648 |
16inzala kaBhebhayi | 628 |
17inzala ka-Azegadi | 2 322 |
18inzala ka-Adonikam | 667 |
19inzala kaBhigwayi | 2 067 |
20inzala ka-Adin | 655 |
21inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya | 98 |
22inzala kaHashum | 328 |
23inzala kaBhezayi | 324 |
24inzala kaHarifi | 112 |
25inzala kaGibheyon | 95 |
26amadoda aseBhetelehem naseNetofa | 188 |
27amadoda aseAnatoti | 128 |
28amadoda aseBhete-azemavete | 42 |
29amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti | 743 |
30amadoda aseRama naseGabha | 621 |
31amadoda aseMikmas | 122 |
32amadoda aseBhetele naseAyi | 123 |
33amadoda enye iNebho | 52 |
34amadoda enye iElam | 1 254 |
35amadoda aseHarim | 320 |
36amadoda aseJeriko | 345 |
37amadoda aseLodi naseHadide naseOno | 721 |
38amadoda aseSena | 3 930 |
39Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa | 973 |
40inzala kaImere | 1 052 |
41inzala kaPashure | 1 247 |
42inzala kaHarim | 1 017 |
43Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva | 74 |
44iimvumi zenzala ka-Asafu | 148 |
45abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi | 38 |
46Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
47inzala kaKerosi noSiya noPadon,
48inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
49inzala kaHanan noGidele noGahare,
50inzala kaRaya noRezin noNekoda,
51inzala kaGazam noUza noPaseya,
52inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
53inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
54inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
55inzala kaBhakose noSisera noTema,
56inzala kaNeziya noHatifa
57Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:
inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58inzala kaJala noDakon noGidele,
59inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni | 392 |
61Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda | 642 |
63Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli. 65Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo:
amaSirayeli ewonke | 42 360 |
67izicaka nezicakazana | 7 337 |
iimvumi neemvumikazi | 245 |
68amahashe | 736 |
iimeyile | 245 |
69iinkamela | 435 |
iidonki | 6 720 |
70Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:
Umlawuli:
iikhilogram zegolide | 8 |
izitya zokutshiza | 50 |
izambatho zababingeleli | 530 |
71Iintloko zezindlu:
iikhilogram zegolide | 168 |
iikhilogram zesiliva | 1 250 |
72Abanye abantu:
iikhilogram zegolide | 168 |
iikhilogram zesiliva | 140 |
izambatho zababingeleli | 67 |
73Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.
UEzra ufunda umthetho
Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,
Currently Selected:
UNEHEMIYA 7: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.