IINDUMISO 16
16
Umthandazo wethemba
Ucamngco lukaDavide.
1Ndikhusele kaloku, Thixo;
ndithembele ngawe.
2Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.
3Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo;
nditsho leyo itshatsheleyo kweli hlabathi.
4Bazandisel' iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.
Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;
andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.
5Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;
lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.
6Isabelo sam sisendaweni entle;
hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!
7Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;
nesazela sam siyandiluleka ebusuku.
8Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.
9Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;
ngenene ndiziva ndikhuselekile.
10Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;
akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.
11Wena undazisa iindlela zobomi;
kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
Currently Selected:
IINDUMISO 16: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapistaging.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.