IINDUMISO 9
9
Ukubulela uThixo umgwebi olilungisa
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ukufa konyana.”
1Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.
2Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.
3Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,
zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.
4Kaloku undigwebele ityala lam;
ungqendeve esihlalweni sakho,
wena mgwebi olungileyo.
5Uzikhalimele iintlanga,
wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,
waliphanzisa kwaphela igama labo.
6Iintshaba zethu zibhangile mpela,
uzidilize didli izixeko zazo;
sele zacimayo nasezingqondweni.
7Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;
selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.
8Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;
azigwebe kakuhle zonke iintlanga.
9NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.
10Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.
11Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;
zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.
12Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;
akasilibali isikhalo sabo baselusizini.
13Ndenzele inceba, Ndikhoyo;
bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,
wena ondihlangula ethunzini lokufa.
14Mandiluxele udumo lwakho
phakathi kwabantu bakho eJerusalem.
Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.
15Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,
zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.
16Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;
izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.
17Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,
neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.
18Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;
ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.
19Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;
mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.
20Zenze zikoyike, Ndikhoyo,
ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.
Currently Selected:
IINDUMISO 9: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.