ISITYHILELO 18

18
Ukuwa kweBhabheli
1Kamva ke ndabona esinye isithunywa sisiza siphuma ezulwini. Ke sona sasingusomagunya; futhi ukubengezela kwaso kwaqaqamba ehlabathini liphela. 2Sadanduluka samemeza sathi: “Siwile isikhulukazi uBhabheli! Ngoku sesilikhaya leendimoni. Igquba khona imimoya emibi, ngokunjalo nentaka yeshwangusha. 3Kaloku izizwe zilugongqozile uluchwe lokurheletya kwakhe. Ewe, izikumkani zehlabathi bezirheletya naye. Ngoku oosomashishini zizinhanha ngenxa yokuqhuba ngobuqili bakhe.”
4Kwaphuma elinye ilizwi ezulwini lisithi: “Bantu bam, phumani kuye, hleze nide nithelele kwizono zakhe, nibe nenxaxheba nakwizibetho zakhe. 5Kaloku izono zakhe ziyimfumba eye kufikelela ezulwini. Kambe ke uThixo akawalibalanga amatyala akhe. 6Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli! 7Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’ 8Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla.
9“Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo. 10Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka! ’
11“Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo. 12Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile; 13iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi. 14Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’ 15Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini, 16bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi! 17Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’
“Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya, 18bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi? ’ 19Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’
20“Vuyani nimemelele, mazulu, ngenxa yokutshabalala kwakhe! Vuyani, lusapho lukaThixo, bathunywa, nani bavakalisi beendaba! Kaloku uThixo uyigwebile iBhabheli waniphindezela.”
21Kananjalo enye ingwanyalala yesithunywa yathatha ilitye elingathi lilitye lokusila, yaliphosa elwandle, yathi: “Siya kwenziwa nje ke isixekokazi iBhabheli, sintlithwe phantsi, singaze siphinde sibonwe bani. 22Abadlali behapu, neemvumi, abakhalisa ifluti nexilongo, abasoze baphinde babe khona apho kuwe. Soze kuphinde kubekho magcisa alo naluphi na udidi apho kuwe, singasoze siphinde sivakale nesandi selitye lokusila! 23Akusoze kuphinde kubonakale nalitha lesibane apho, engasoze eviwe namazwi omyeni nomtshakazi apho kwakho! Oosomashishini bakwakho bakhe bazizinhanha zehlabathi; ewe, ngemilingo yakho wazilahlekisa izizwe! 24Nangoku lilapho kwakho igazi labavakalisi beendaba ezimnandi, nelosapho lukaThixo; ewe, nditsho nelabo bonke abakhe babulawa apha emhlabeni.”

Currently Selected:

ISITYHILELO 18: XHO96

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena