UNCUTHU LWENGOMA 1
1
1Nalu uncuthu lwengoma lukaSolomon.
Umtshakazi
2Akwaba ubungakhe undiphuze,
undincamise ngaloo mlomo!
Aluyole ngako uthando lwakho;
luhlasimlisa ngaphezu kwayo newayini!
3Isiqholo sakho sithi ndirhogole,
negama lakho lifuz' eso siqholo.
Yiyo le nto iintombi zithe phithi nguwe!
4Khawulezisa, ndithathe simke!
Masiye entangeni yakho, kumkani!
Abathelelayo
Siya kugcoba sivuye ngawe!
Uthando lwakho luyancomeka ngaphezu kwewayini;
iintombi zifanele ukuthi phithi nguwe.
Umtshakazi
5Ewe, zintombi zaseJerusalem,
ndingunomdakazana, kodwa ndinomkhitha
oku kweentente zaseKedare nemikhusane kaSolomon.
6Ndingade ndibe ngunomdakazana kodwa noko ke sukundidela;
ndifiphele nje kungenxa yelanga.
Oonyana bakama basuka bandiqumbela,
baza bandenza umgcini wesidiliya,
ndaza mna siqu ndaziyekelela.
7Khawutsho ke, sithandwa sam,
ngaba walusela phi kakade?
Ziphumla phi iigusha zakho emini?
Ngani ukuba ndibe ngogqubutheleyo
ndikufune phakathi kwemihlambi yezihlobo zakho?
Umyeni
8Awazi na kakade, nzwakazindini egqwesileyo?
Hayi ke, landela umzila weegusha,
uye kwalusa amatakane eebhokhwe kufutshane neentente zabelusi.
9Hayi ke wena, sithandwa sam, usuke wafana nethokazi lehashe
elitsala inqwelo yokumkani waseJiputa.
10Azizihle ngako ezo zidlele ziphahlwe ngaloo macicikazi,
naloo ntamo yakho ivathiswe ngamaso.
11Ndokwenzela amacici egolide aqhoqhonywe ngesiliva.
Umtshakazi
12Ukumkani uthe esangqengqile ngasetafileni yakhe,
isiqholo sam satsho ngevumba elimyoli.
13Isithandwa sam ngathi yingxowana yesiqholo semore
esithe nca phakathi kwamabele am.
14Isithandwa sam ngathi sisipha seentyatyambo zehena,
ezo zezidiliya zase-Engedi.
Umyeni
15Waza wamhle, sithandwa sam!
Ewe, uyinzwakazi ke khona!
Amehlo – hotyazana lakwabani!
Umtshakazi
16Ewe, uyinzwana ke khona, sithandwa!
Hayi, umtsalane wakho!
Umandlalo wethu uluhlaza yaka!
17Indlu yethu itsho ngemiqadi yemisedare,
ngaphakathi yambathiswe ngemipayini.
Currently Selected:
UNCUTHU LWENGOMA 1: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.