Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:51-52

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:51-52 XHO1902A

Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke, ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa.