Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15

15
1NDIYANAZISA, bazalwana! ivangeli endayishumayelayo kuni, — kwa leyo enayamkelayo, nenimiyo kuyo, 2nenisindiswa ngayo, — ngesanina isiteto endayishumayelayo kuni, ukuba niyayibamba, ukuba kanti anifumane nakolwa. 3Ngokuba ndandinikela kuni ukuqala, oko endati kanjalo ndakwamkela, ukuba u‐Kristu wafela izono zetu, njengokweziba̔lo; 4nokuba wancw̔atywa, nokuba uvukile ngomhla wesitatu, njengokweziba̔lo; 5nokuba wabonakala ku‐Kefasi, wandula wabonakala kwabalishumi linababini: 6wati kamva wabonakala kwabazalwana abapezulu kwabangamakulu mahlanu ngexesha linye, abati into eninzi yabo bahlale kude kube kaloku nje, kodwa inxenye balele kukufa. 7Wati kamva wabonakala ku‐Yakobi; wandula wabonakala kubapostile bonke. 8Waza wati emveni kwabo bonke, njengakulowo uzelweyo lingekabiko ixesha, wabonakala nakum. 9Ngokuba mna ndingomncinane kubo bonke abapostile, ondingafanelekile ukuba ndibizwe ngompostile, ngenxa yokuba ndayitshutshisa iṙemente katixo. 10Kodwa ngofefe lukatixo ndikoko endikuko: nofefe lwake olwenzelwa mna alwaba yinto engendawo; koko ndagqitisayo kubo bonke ngokusebenza kakulu; ndingendim kodwa, lufefe lukatixo olube lukunye nam. 11Nokuba ngoko ndim, nokuba ngabo bona, kunjalo ukushumayela kwetu, bekunjalo nokukolwa kwenu.
12Kekaloku ukuba u‐Kristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, bati nina inxenye pakati kwenu ukuti akuko kuvuka kwabafileyo? 13Kodwa ukuba akuko kuvuka kwabafileyo, u‐Kristu naye akavukanga ke: 14nokuba u‐Kristu akavukanga, kukona iyinto engendawo intshumayelo yetu, iyinto engendawo nenkolo yenu. 15Ewe kanjalo siyafunyanwa singamanqi̔na abuxoki katixo; kuba sasinqi̔nile ngaye utixo ukuba wamvusa u‐Kristu; ote akamvusa, ukuba kambe abafileyo abavuki. 16Ngokuba abafileyo ukuba abavuki, u‐Kristu naye akavukanga ke: 17nokuba u‐Kristu akavukanga, yinto engendawo inkolo yenu; nisesezonweni zenu. 18Kukona nabo balala kukufa ku‐Kristu batshabalala. 19Ukuba sinokutemba ku‐Kristu kokukudliwa kwobomi kupela, singabakedamelekayo ngapezu kwabantu bonke.
20Kodwa kaloku u‐Kristu uvukile kwabafileyo, waba sisandulelo sabo balele kukufa. 21Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo. 22Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi. 23Kodwa omnye nomnye ngokwake ukucwangciswa: u‐Kristu esisandulelo; kamva abaka‐Kristu, ekufikeni kwake. 24Kwandul’ ukubako isipelo, okuya abunikeleyo ubukumkani kuye utixo noyise, okuya atshabalalisile bonke ubupati nalo lonke igunya namandla. 25Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake. 26Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa. 27Ngokuba kusitwa: Uzibekile pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake. Kodwa okuya atshoyo ukuti zonke izinto zibekiwe pantsi, kusekuhleni ukuba kungapandle kwalowo owabeka pantsi zonke izinto kuye. 28Kanjalo okuya zonke izinto zibekiwe pantsi kuye, uya kwandula nonyana ngokwake abekwe pantsi kulowo owabeka pantsi zonke izinto kwa kuye, ukuze utixo abe zinto zonke kubo bonke.
29Okanye baya kwenza nto nina abo babapitizeshelwa abafileyo? Ukuba abafileyo abavuki nakanye, yinina ke ukuba bayabapitizeshelwa abafileyo? 30Yinina ukuba nati sisemgcipekweni amaxeshana onke? 31Ngenyaniso, luqa̔yiso endinalo pezu kwenu kuye u‐Kristu Yesu inkosi yetu, nditi imihla ngemihla ndife! 32Ukuba ndati njengokwabantu ndalwa namar̔amncwa e‐Efese, kundinceda nto nina oko? Ukuba abafileyo abavuki, Masitye sisele, ngokuba sisiti ngomso sife. 33Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo. 34Qabukani ngokulungileyo, nize ningoni; ngokuba inxenye bengenakumazi utixo: ndiyateta oku nize nibe nentloni.
35Koko kuya kuti umntu: Batiwa nina abafileyo ukuvuswa? kanjako bayeza ngomzimba onjanina? 36Sidenge! lonto uyihlwayelayo wena ayenzelwa ubomi, xeshekweni ingafi: 37nalonto uyihlwayelayo, akuhlwayeli esosibili esiya kubako, koko uhlwayela ukozo lulodwa, kungaba lolwenqolowa, umhlaumbi lolwenye yezinye imbewu: 38kodwa utixo uyanika kulo isibili njengokuba etandile, nakuzo zonke imbewu ngezinye ezazo izibili. 39Yonke inyama ayikwa yiyo yona inyama: koko kuko enye inyama yabantu, enye inyama yenkomo, enye yentlanzi, enye yentaka. 40Kuko kanjalo imizimba yasezulwini, nemizimba yasemhlabeni: koko ubungcwalisa beyasezulwini buyinto eyodwa, nobeyasemhlabeni buyinto eyimbi. 41Kuko obunye ubungcwalisa belanga, nobunye ubungcwalisa benyanga, nobunye ubungcwalisa benkwenkwezi: ngokuba inkwenkwezi isahluka kwinkwenkwezi ngobungcwalisa.
42Kukwa njalo nokuvuka kwabafileyo. Uyahlwayelwa ekuboleni; uyavuswa ekungabolini: 43uyahlwayelwa ekudelekeni; uyavuswa ebungcwaliseni: uyahlwayelwa ebutatakeni; uyavuswa emandleni: 44uyahlwayelwa ungumzimba obupefumlo; uyavuswa ungumzimba obumoya. Kuko umzimba obupefumlo; kuko kanjako umzimba obumoya. 45Kwa njalo ke kuba̔liwe ukuti: Owokuqala umntu u‐Adame waba ngumpefumlo obudla ubomi; owokugqibela u‐Adame waba ngumoya obunika ubomi. 46Kuloko okubumoya kungekokwokuqala, kukokubupefumlo; okubumoya kokwasemva. 47Owokuqala umntu uvela emhlabeni, ebuhlabati; owesibini umntu, inkosi, uvela ezulwini. 48Into uyiyo obuhlabati, bakwa yinto enjalo ababuhlabati nabo: kanjako into uyiyo owasezulwini, bakwa yinto enjalo abasezulwini nabo. 49Nanjengokuba siwutwele umfanekiso wake obuhlabati, sowutwala nomfanekiso wake owasezulwini.
50Kodwa oku ndiyakutsho, bazalwana! ukuba yona inyama negazi ayingelidle ilifa lobukumkani bukatixo; kanjako ukubola akulidli ilifa lokungaboli. 51Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke, 52ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa. 53Ngokuba oku okubolayo kufanele ukuba kwambate ukungaboli, noku okufayo ukuba kwambate ukungafi.
54Kekaloku okuya oku okubolayo kwambete ukungaboli, nokuya oku okufayo kwambete ukungafi, kuya kwandula kwenzeka elozwi liba̔liweyo ukuti: Ukufa kuginyelwe elwoyisweni. 55Lupina, Kufa! ulwavila lwako? Lupina, Hadesi! ulwoyiso lwako? 56Kekaloku ulwavila lwokufa, sisono; namandla esono, ngumteto. 57Kodwa makubulelwe kutixo, osinikayo ulwoyiso ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu. 58Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo! yibani niqinile, ningenakushenxiswa, nikolisa ukwanda emsebenzini wenkosi ngamaxesha onke, nisazi nje ukuba umzamo wenu awuyinto engendawo enkosini.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena