Eyokuqala incwadi ka‐Johane 2
2
1LUSATSHANA lwam! ezizinto ndiyaziba̔la kuni, ukuze ningoni. Kanti xeshekweni umntu onayo, sinaye umteteleli kuyise, u‐Yesu Kristu olungileyo: 2kanjalo yena usisizi ngenxa yezono zetu; engesiso ngenxa yezetu zodwa, usiso nangenxa yezalo lonke ilizwe.
3Ngako oku ke siyakwazi ukuba simazile yena, xeshekweni imiyalelo yake siyigcinayo. 4Oti: Ndimazile yena, kanti imiyalelo yake akayigcini, ulixoki, nakuye lo inyaniso ayiko: 5kodwa osukuba‐eligcina ilizwi lake, ngokwenene kuye lo utando lukatixo lufezekisiwe. Ngako oku siyakwazi ukuba sikuye yena. 6Oti uyahlala kuye, ufanelwe kukuti, njengokuba yena lowo ebehamba, enje njalo ukuhamba naye.
7Bazalwana! andiba̔li umyalelo omtsha kuni, koko ndiba̔la umyalelo omdala, enibe ninawo kwa sekuqaleni: wona umyalelo omdala ulilizwi enalivayo kwa sekuqaleni. 8Kanjako umyalelo omtsha ndiyawuba̔la kuni; okuyinene kuye nakuni: kuba ubumnyama budlula, nalo ukanyiso oluyinyaniso selukanya kaloku. 9Oti uselukanyweni, kanti utiya umzalwana wake, usebumnyameni kwada kwakaloku. 10Otandayo umzalwana wake uyahlala elukanyweni, kungeko sixakaniso kuye. 11Kodwa otiyayo umzalwana wake usebumnyameni, uyahamba ebumnyameni kanjalo, engazi apo aya kona, kuba ubumnyama bumfamekisile amehlo ake.
12Ndiyaba̔la kuni, lusatshana! ngokokuba nixolelwe izono zenu ngenxa yegama lake. 13Ndiyaba̔la kuni, boyise! ngokokuba nimazile lowo okoyo kwa sekuqalekeni. Ndiyaba̔la kuni, madodana! ngokokuba nimoyisile okohlakeleyo. Ndiyaba̔la kuni, bantwana! ngokokuba nimazile uyise. 14Ndiba̔lile kuni, boyise! ngokokuba nimazile lowo okoyo kwa sekuqalekeni. Ndiba̔lile kuni, madodana! ngokokuba nomelele, nokuba ilizwi likatixo lihlala kuni, nokuba nimoyisile okohlakeleyo.
15Ningalitandi ilizwe, kwa nezinto ezikulo ilizwe. Xeshekweni umntu alitandayo ilizwe, utando lukayise aluko kuye. 16Ngokuba konke okuselizweni, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, ner̔atshi lobomi, kungaveli kuye uyise, kuvela kulo ilizwe. 17Kanjalo lona ilizwe liyadlula, nenkanuko yalo; kodwa oyenzayo intando katixo uyahlala kude kube ngunapakade.
18Bantwana! selilixeshana lokugqibela: nanjengokuba nevayo ukuba u‐Antikristu uyeza, kwa njalo kaloku o‐Antikristu abaninzi sebeko: kukona siqondayo ukuba selilixeshana lokugqibela. 19Bapuma kuti, koko bebengengabakuti: ngokuba ke ukuba bebengabakuti, ngebeba besahleli nati; koko bapumayo, ukuze babonakaliswe ukuba bebengengabakuti bonke. 20Kanti nina ninalo utanjiswa luvela kuye oyingcwele, nize nizazi zonke izinto. 21Andiba̔langa kuni ukuba ningayazi inyaniso, kukuba niyazi; nokuba nisazi ukuba akuko buxoki obuvela kuyo inyaniso. 22Ngubanina olixoki, kupela ngulowo ukanyelayo ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu? Yena lo unguye u‐Antikristu, okanyelayo uyise nonyana. 23Osukuba emkanyela unyana, akanaye noyise: ovumayo unyana, u noyise naye.
24Nina ngoko, oko nakuvayo kwa sekuqaleni, makuhlale kuni. Xeshekweni kuhlala kuni oko nakuvayo kwa sekuqaleni, nani niya kuhlala kuye unyana nakuye uyise. 25Siso esi ke isitembiso wasitembisayo ngaso, esobomi obungunapakade. 26Ezizinto ndiziba̔lile kuni ngabo abanikohlisayo. 27Kanti nina, utanjiswa enalwamkelayo kuye, luyahlala kuni, nize ningafaneli ukuba umntu anifundise; koko njengokuba lona olotanjiswa lunifundisa ngento zonke, luyinene nje, lungebubo ke ubuxoki, nanjengokuba belunifundisile, niya kuhlala kuye.
28NAKALOKU, lusatshana! hlalani kuye; ukuze siti, okuya abonakaliswayo, sibe nokalipo, singamndwebi ngokudana ke, ekufikeni kwake. 29Xeshekweni nikwazi ukuba ulungile, niyaqonda ukuba osukuba esenza ubulungisa uzelwe nguye.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Johane 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.