Eyokuqala ka‐Samyali 10
10
1Wandula u‐Samyali watabata igutyana leoli, wayigalela pezu kwentloko yake, wamanga, wati: Akunjalo na, ukuba uyehova ukutambisile ube yinkosi pezu kwelifa lake? 2Nxa umkile namhla kum, wosel’ ufumana amadoda emabini ngasencw̔abeni lika‐Rakele, emdeni wakwa‐Benjamine, e‐Tseletsa; wona aya kuti kuwe: Amaqwaṙashekazi, owaya ukuwafuna, afunyenwe; bona ke, uyihlo ulahlile indawo yamaqwaṙashekazi, exalele nina, esiti: Ndiya kwenzela nto nina unyana wam? 3Woti wakugqita kona, nasele, woza kufika ngasesiyekeni se‐Tabore, apo uya kufumana amadoda ematatu enyukela kutixo e‐Betele, enye itwele amatakane matatu ebokwe, nenye itwele amasimba matatu esonka, nenye itwele intsuba yeveyine: 4ayeya kubuza ukupila kwako, akunike izonka zibini: ezo wozitabata ezandleni zawo. 5Emveni kwoko uya kufika endulini katixo, apo ilali yama‐Filistiya ikona; kwakuya kuti, akufika kona esixekweni, uya kuhlangana neqela labaprofite besihla endaweni epakamileyo, benenebele, nentambula, nomlozi, nohadi, pambi kwabo; abaya kuprofitesha ke: 6waye umoya kayehova eya kuqubula wena, wauya kuprofitesha nabo, uguqulwe ube ngumntu wumbi. 7Makuti, nxa lemiqondiso ize kuwe, yenza ngokufumana kwesandla sako: ngokuba utixo enawe. 8Wauya kwandulela kum ukuhlela e‐Gilegale; ngokuba bona ke, ndiya kuhlela kuwe, ndinikele amadini okutshiswa, ndibingelele imibingo yoxolo; yimihla esixe̔nxe uya kulinda, ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.
9Kwaye kute, akuba ejikile umhlana wake ukumka ku‐Samyali, wandula utixo wamguqulela intliziyo ibe yimbi: kanjako yonke lemiqondiso yeza kubako ngalomini. 10Bati bakufika kona ngasendulini, nali iqela labaprofite bemkaulela; waye umoya katixo wamqubula, waza waprofitesha pakati kwabo. 11Kwabekute, bakubona bonke ababemazi ngexesha lapambili, ukuba, bona ke, uyaprofitesha pakati kwabaprofite, bandula abantu bati omnye kwomnye: Yinto nina le unyana ka‐Kishe uhlelwe yiyo? Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na? 12Waza wapendula umntu wakona, wati: Ngubanina pofu uyise wabo? Kukona kwenziwa umzekeliso wokuti: Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na? 13Wati akuba egqibile ukuprofitesha, wafika endaweni epakamileyo.
14Kekaloku uyisekazi ka‐Saule wati kuye nakuso isicaka sake: Nibe nisiya ngapina? Wayesiti: Saya kufuna amaqwaṙashekazi; nanxa besibona ukuba akako, saya seza ku‐Samyali. 15Waza wati uyisekazi ka‐Saule: Ndixelele ke, ibiyinto nina u‐Samyali abeyiteta kuni? 16Wayesiti u‐Saule kuyisekazi wake: Wasixelela ekuhleni ukuba amaqwaṙashekazi selefunyenwe. Kodwa indawo yobukumkani, abetetile ngayo u‐Samyali, akayixela kuye.
17WAZA u‐Samyali wabiza abantu ndawonye ukuza kuyehova e‐Mitsipa. 18Wayesiti kulo usapo luka‐Sirayeli: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndibanyusile o‐Sirayeli e‐Jipete, ndanihlangula esandleni sama‐Jipete, nasesandleni sokumkani bonke ababenibandezela: 19kodwa namhla nimlahlile utixo wenu, obenisindisa ngokwake kubo bonke ububi benu nobunzima benu; nide nati kuye: Beka ukumkani pezu kwetu! Ngako kaloku zimiseni ebusweni bukayehova ngezizwe zenu, nangamawaka enu.
20Kwati, akuba u‐Samyali ebesondeze zonke izizwe zo‐Sirayeli, kwaqashwa isizwe sika‐Benjamine. 21Nxa abesondeze isizwe sika‐Benjamine ngezizalwane zaso, kwaqashwa isizalwane sika‐Materi, waza u‐Saule, unyana ka‐Kishe, waqashwa: basuka bamfuna, kodwa ebengabonakali.
22Babuya babuza kuyehova, besiti: Londoda isaza kuza apa na? Waza uyehova wati: Nantsi izimele pakati kwempahla. 23Babaleka bamsusa kona: kekaloku nxa ibimi pakati kwabantu, wadlula bonke abantu ngobude kwa semagxalabeni ake nangapezulu.
24Waza u‐Samyali wati kubo bonke abantu: Niyabona na lowo unyuliweyo nguyehova, ukuba akuko ofana naye pakati kwabo bonke abantu? Basuka bamemeza bonke abantu, bati: Makapile ukumkani! 25Wandula u‐Samyali waxelela abantu isiko lobukumkani, waliba̔la encwadini, wayibekela pambi kwoyehova.
Wada u‐Samyali wabandulula bonke abantu, ukuya abanye ngabanye ezindlwini zabo. 26Kanjalo no‐Saule waya endlwini yake e‐Gibeha; kwahamba naye amadoda omkosi, antliziyo zicukunyisiweyo ngutixo. 27Koko usapo lwobunginingini lwati: Lendoda yoti nina ukusisindisa? Lwaza lwamdela, lungamziseli ibaso. Kodwa wanga usisitulu.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 10: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: