Eyokuqala ka‐Samyali 9
9
1KWABEKUKO indoda yakwa‐Benjamine, egama lalingu‐Kishe, unyana ka‐Abiyeli, unyana ka‐Tserore, unyana ka‐Bekorate, unyana ka‐Afiya, um‐Benjamine, igoṙa elibuṙoti. 2Yabinonyana ke, ogama lalingu‐Saule, oyintlahla, omhle: kwaye kungeko indoda pakati kwosapo luka‐Sirayeli ebimgqitisile ngobuhle: kwa kuwo amagxalaba ake nangapezulu wadlula bonke abantu ngobude.
3Kekaloku amaqwaṙashekazi ka‐Kishe, uyise ka‐Saule, ebelahlekile. Waza u‐Kishe wati ku‐Saule unyana wake: Kautabate nawe esinye sezicaka, usuke, uye kufuna amaqwaṙashekazi. 4Wasuka wacanda entabeni yakwa‐Frayime, wacanda naselizweni le‐Shalisha, kodwa abawafumana; baza bacanda elizweni le‐Shahalime, kodwa ebengeko kona; wacanda nasezweni lakwa‐Benjamine, kodwa abawafumana. 5Bada bafika ezweni lakwa‐Tsufi; wandula u‐Saule wati kwisicaka sake esibe sinaye: Hamba, sibuye; hleze ubawo awancame amaqwaṙashekazi, axalele tina. 6Saza sati kuye: Bona ke, kuko indoda katixo kwesisixeko, eyindoda ebekekileyo; konke ikutetayo kuza kuhla ngenyaniso: kaloku masiye kona; kungaba iya kusixelela indlela yetu, esinge sihamba kuyo. 7Wandula u‐Saule wati kwisicaka sake: Pofu, bona ke, sisiya nje, yinto nina esiya kuyizisa kulondoda? ngokuba isonka sigqibekile ezityeni zetu; aliko nebaso lokuba silizise kwindoda katixo: yinto nina esinayo? 8Salekela isicaka ukupendula u‐Saule, sati: Bona ke, kuko esandleni sam isiqingata sesine seshekele yesilivere; eso ndiya kusinika kuyo indoda katixo, ukuze isixelele indlela yetu. 9(Ngapambili kwa‐Sirayeli, umntu akuhamba ukuya kubuza kutixo, watsho ukuti: Hambani, sihambe siye kumboni; ngokuba lowo obizwayo namhla ngokuba ngumprofite, ebebizwa ngapambili ngokuba ngumboni.) 10Waza u‐Saule wati kwisicaka sake: Ilizwi lako lilungile; hamba, sihambe. Bahamba baya esixekweni apo indoda katixo ibikona.
11Xeshekweni bebenyuka ngeqina lesixeko, bafumana intombi zipuma ukuka amanzi, bati kuzo: Uko apa na umboni? 12Zabapendula, zati: Uko; nanku epambi kwenu: nxama kaloku, ngokuba efikile namhla esixekweni; ngokuba kuko namhla umbingo wabantu endaweni epakamileyo: 13nxa ningene esixekweni, seniya kumfumana, engekanyukeli endaweni epakamileyo ukuya kutya: ngokuba abantu bengayi kutya ade afike yena; ngokuba nguye otamsanqelayo umbingo; emveni kwoko bayatya abamenyiweyo: ngako kaloku nyukani, ngokuba malunga nelixesha niya kumfumana. 14Baza benyukela esixekweni: bati bakufika pakati kwesixeko, nanku u‐Samyali ebapumele, ukuya kunyukela endaweni epakamileyo.
15Kekaloku uyehova wabetyilile endlebeni ka‐Samyali, umhla mnye engekafiki u‐Saule, ukuti: 16Malunga nelixesha langomso ndiya kutuma kuwe indoda yasezweni lakwa‐Benjamine, oya kuyitambisa ibe yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli, ukuze isindise abantu bam esandleni sama‐Filistiya: ngokuba ndibonile abantu bam; ngokuba ukukala kwabo kufikile kum. 17Nxa u‐Samyali wambonayo u‐Saule, wandula uyehova wapendula, wati: Nantsi indoda endite kuwe ngayo: Le iya kupata ubukosi pezu kwabantu bam.
18Wandula u‐Saule wasondela ku‐Samyali pakati kwesango, wati: Kaundixelele, ipina ke indlu yomboni? 19Waza u‐Samyali wampendula u‐Saule, wati: Mna ndingumboni; nyuka pambi kwam ukuya endaweni epakamileyo; ngokuba niya kutya nam namhla, ndandiya kukundulula kusasa, ndikuxelele konke okusentliziyweni yako: 20namaqwaṙashekazi, lawo akulahlekileyo kuse kuyimihla mitatu, ungabekeli wona intliziyo yako, ngokuba selefunyenwe: kanjalo lukubanina lwonke unqwenelo lwo‐Sirayeli? alukuwe na nakuyo yonke indlu yoyihlo? 21Wapendula u‐Saule wati: Andingum‐Benjamine na, owesincinane sezizwe zo‐Sirayeli? nesizalwane sam asisesincinane na ngapezu kwazo zonke izizalwane zesizwe sika‐Benjamine? kunganina ke ukuba utete kum ilizwi elinjalo?
22Waza u‐Samyali watabata u‐Saule nesicaka sake, wabangenisa enkambilini, wabanika indawo engapezulu pakati kwabamenyiweyo, abangati bangamadoda amashumi matatu. 23Wayesiti u‐Samyali kuye umpeki: Nikela isabelwa endandisinika kuwe; endandisiti kuwe ngaso: Sibeke ngakuwe. 24Waza umpeki wakupa umkono nako okupezu kwawo, wabeka pambi kwo‐Saule. Wayesiti: Nanku okuseleyo: kubeke pambi kwako, utye; ngokuba ngexesha elimisiweyo bekugcinelwa wena, nxa ndibe ndisiti: Ndimemile abantu. Kwa njalo u‐Saule watya no‐Samyali ngalomini.
25Bada behla endaweni epakamileyo baya esixekweni: waza wateta no‐Saule pezu kwendlu. 26Bavuka ke kusasa: kwaye kute ngasekupumeni kwesitingo, wandula u‐Samyali wambiza u‐Saule eze pezu kwendlu esiti: Suka, ukuba ndikundulule. Wesuka ke u‐Saule; baza bapuma bobabini, yena no‐Samyali, baya ngapandle. 27Nxa babehlela esipelweni sesixeko, wati u‐Samyali ku‐Saule: Xelela isicaka sako ukuba sidlule pambi kwetu, (sadlula ke,) kodwa wena yima kaloku, ukuze ndikuvise ilizwi likatixo.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 9: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: