Eyokuqala ka‐Samyali 6
6
1Yabiko ityeya kayehova ezweni lama‐Filistiya inyanga zasixe̔nxe. 2Andula ama‐Filistiya abiza abaperisite bawo nabalauli bawo, esiti: Siya kwenza nto nina ngetyeya kayehova? nisazise kunganto nina esiya kuyindulula iye endaweni yayo? 3Baye besiti: Ukuba niyayindulula ityeya katixo wo‐Sirayeli, ningandululi yona ize; seniya kuqinisa ukubuyisela kuye idini letyala; oko niya kupiliswa, naniya kwaziswa ukuba kunganina isandla sake singashenxi kuni. 4Aza ati: Lilipina idini letyala esiya kulibuyisela kuye? Baye besiti: Ngamatumba amahlanu egolide, nempuku ezintlanu zegolide, ngenani lenkosi zama‐Filistiya: ngokuba sisibeto sinye esasipezu kwenu nonke, napezu kwenkosi zenu. 5Ngako yenzani imifanekiso yamatumba enu, nemifanekiso yempuku zenu ezilonakalisayo ilizwe, ninike ubungcwalisa kutixo wo‐Sirayeli: kungaba uya kwenza isandla sake sibe lula pezu kwenu, napezu kwotixo wenu, napezu kwelizwe lenu. 6Yinina ke ukuba nizenza nzima intliziyo zenu, njengokuba ama‐Jipete no‐Faro bazenza nzima intliziyo zabo? Kanene okuya abenzile ngokungummangaliso pakati kwabo, babengabandululi na, bada bemka? 7Ngako kaloku, yenzani inqwelo entsha ibe nye, nitabate imazana zibe mbini ezanyisayo, ekunganyukanga pezu kwazo iyokwe, nibope imazana enqwelweni, nibuyise amatole azo emva kwazo ziye ekaya: 8nandule nitabate ityeya kayehova, niyibeke enqwelweni; nempahla zegolide, enizibuyisela kuye zibe lidini letyala, nizifake ekesteni ngasecaleni layo; nize niyindulule, imke: 9naniya kubona ke; ukuba iyanyuka ngendlela yomda wayo ukuya e‐Bete‐shemeshe, nguye osenzele elilishwa elikulu; kodwa ukuba akunjalo, sesiya kwazi ukuba asi sisandla sake esisibetileyo; sisihlo esibe sihlelwa siso.
10Kekaloku amadoda lawo enje njalo: atabata imazana zambini ezanyisayo, azibopa enqwelweni, namatole azo awavalela ekaya; 11aza abeka ityeya kayehova enqwelweni, nekeste, nempuku zegolide, nemifanekiso yamatumba awo. 12Zasuka imazana zaya ngokuti ngqo endleleni, ngasendleleni esinga e‐Bete‐shemeshe, zahamba ngomendo umnye zimana zilila, zingapambukeli ngasekunene nangasekohlo; zati inkosi zama‐Filistiya zahamba emva kwazo kude kwakuwo umda wase‐Bete‐shemeshe. 13Kekaloku abantu base‐Bete‐shemeshe bebevuna ukuvunwa kwenqolowa emhlanjeni; baza bapakamisa amehlo abo, babona ityeya, bavuya bakuyibona. 14Yada inqwelo yeza entsimini ka‐Yoshuwa, um‐Bete‐shemeshe, yema kona, apo beliko ilitye elikulu; baza bacanda imiti yenqwelo, nemazana bazinikela zibe lidini lokutshiswa kuyehova. 15Ngokuba aba‐Levi batula ityeya kayehova, nekeste ebinayo, leyo impahla zegolide bezikuyo, bazibeka pezu kwelolitye likulu: andula amadoda ase‐Bete‐shemeshe anikela amadini okutshiswa abinga nemibingo ngalomini kuyehova. 16Zati zakuba inkosi ezintlanu zama‐Filistiya zibonile oku, zabuyela e‐Hekrone ngalomini.
17Ngawo la amatumba egolide, ama‐Filistiya abewabuyisa abe lidini letyala Kuyehova: ele‐Ashedode linye, ele‐Gaza linye, ele‐Ashekelone linye, ele‐Gate linye, ele‐Hekrone linye; 18nempuku zegolide ngenani lazo zonke izixeko zama‐Filistiya, ezenkosi ezintlanu, kwa nezixeko ezinqatyisiweyo nemizana yapandle, nakude kwakulo ilitye elikulu, elo bahlalisa ityeya kayehova pezu kwalo, elikoyo nanamhla nje entsimini ka‐Yoshuwa um‐Bete‐shemeshe.
19Waza wabeta amadoda ase‐Bete‐shemeshe, ngokokuba ebekangele etyeyeni kayehova; wabeta ke pakati kwabantu amadoda angamashumi asixe̔nxe, namadoda angamawaka angamashumi mahlanu. Basuka abantu balila, ngokuba uyehova ebetile pakati kwabantu ngesibulalo esikulu. 20Andula ati amadoda ase‐Bete‐shemeshe: Ngubanina onamandla ukuma ebusweni bukayehova, lotixo oyingcwele? kanjako uya kunyukela kubanina ukunyuka kuti. 21Aza atuma izigidimi kubo abemi base‐Kiriyate‐yarime, ukuti: ama‐Filistiya abuyisile ityeya kayehova; yihlani, niyinyusele kuni.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: