Eyokuqala ka‐Samyali 7
7
1Asuka eza amadoda ase‐Kiriyate‐yarime, enyuka nayo ityeya kayehova, ayingenisa endlwini ka‐Abinadabi e‐Gibeha; no‐Elezari, unyana wake, amngcwalisa ukuba agcine ityeya kayehova.
2KWAYE kute, nxa ityeya yabisahlala e‐Kiriyate‐yarime, yakuba imihla isel’ imininzi; ngokuba ibiyiminyaka ingamashumi mabini; yandula yonke indlu ka‐Sirayeli yalila emva kwoyehova. 3Waza u‐Samyali wateta kuyo yonke indlu ka‐Sirayeli, esiti: Ukuba niyabuyela kuyehova ngayo yonke intliziyo yenu, kwelelisani otixo basemzini pakati kwenu, no‐Hashetorete, nibekise intliziyo yenu kuyehova, nimkonze yena yedwa; waeya kunihlangula esandleni sama‐Filistiya. 4Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwakwelelisa o‐Bali no‐Hashetorete, lwamkonza uyehova yedwa.
5Wati u‐Samyali kanjalo: Bahlanganiseni o‐Sirayeli bonke beze e‐Mitsipa, ndandiya kunitandazela kuyehova. 6Baza bahlanganiselwa e‐Mitsipa, baka amanzi, bawatulula pambi kwoyehova, bazila ukutya ngalomini, bati kona: Sonile ngakuye uyehova. Waye u‐Samyali wagweba usapo luka‐Sirayeli e‐Mitsipa.
7Ati akuva ama‐Filistiya ukuba usapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe e‐Mitsipa, zandula inkosi zama‐Filistiya zenyuka ngakubo o‐Sirayeli, Nxa usapo luka‐Sirayeli luvile oku, lwanokwoyika ngenxa yama‐Filistiya. 8Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati ku‐Samyali: Ungayeki ukusikalela kuyehova, utixo wetu, ukuze asisindise esandleni sama‐Filistiya. 9Wandula u‐Samyali watabata imvana nye eyanyayo, wayinikela ipela ibe lidini lokutshiswa kuyehova: waye u‐Samyali wakalela o‐Sirayeli kuyehova; wati uyehova wampulapula. 10Kwaye kute, akuba u‐Samyali ebenikela elodini lokutshiswa, ama‐Filistiya asondela ukulwa no‐Sirayeli: kodwa uyehova wadudumisa ngodudumo olukulu ngalomini pezu kwama‐Filistiya, wawapitizelisa; ada oyiswa pambi kwo‐Sirayeli. 11Aza amadoda akwa‐Sirayeli apuma e‐Mitsipa, awaputuma ama‐Filistiya, awabeta kude kwasezantsi kwe‐Bete‐kare. 12Wandula u‐Samyali watabata ilitye linye, walimisa pakati kwe‐Mitsipa ne‐Shene, walibiza ngegama eliyi‐Ebenezere#7:12 Oko kukuti: Ilitye loncedo., esiti: Kude kwalapa Uyehova usincedile.
13Kwa njalo ama‐Filistiya atotyiswa; akasapinda ukuza emdeni wakwa‐Sirayeli: ngokuba isandla sikayehova besingakuwo ama‐Filistiya yonke imihla ka‐Samyali. 14Kwaza kwabuyiselwa ko‐Sirayeli izixeko ezibe zitinjiwe ngama‐Filistiya ko‐Sirayeli, kwa kuyo i‐Hekrone kude kwakuyo i‐Gate; nemida yazo bayihlangula o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya. Kanjako bekuko uxolo pakati kwo‐Sirayeli naba‐Amori.
15Kekaloku u‐Samyali wagweba o‐Sirayeli ngayo yonke imihla yokudla kwake ubomi. 16Waya ngomnyaka ngomnyaka wazungulezela e‐Betele, ne‐Gilegale, ne‐Mitsipa, wabagweba o‐Sirayeli kwezondawo zonke. 17Waza wabuyela e‐Rama; ngokuba ibikona indlu yake; nakona wagweba o‐Sirayeli; waka nakona isibingelo kuyehova kanjalo.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: