Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 2
2
1NDITI ke okwokuqala ndiyale ukuba kwenziwe izikungo, imitandazo, izitaṙuziso, nemibulelo, ngenxa yabantu bonke; 2ngenxa yabo okumkani nabo bonke abasebukosini; ukuze sihlale ngokuhlala okuxolileyo nokuzolileyo kubo bonke ububedesho nokuzibeka. 3Ngokuba oku kulungile, kukolekile ebusweni bomsindisi wetu utixo kanjako; 4otandayo ukuba bonke abantu basindiswe, nokuba beze ekwaziweni kwenyaniso. 5Ngokuba kuko utixo emnye; kuko kanjalo umlamli emnye pakati kwotixo nabantu, umntu u‐Kristu Yesu, 6owazinikayo ukuba yintlaulelo ngenxa yabantu bonke, — okusisinqi̔no sokunqi̔nelwa kwawaso amaxesha; 7endite mna ndamiselwa sona ukuba ngumshumayeli nompostile, (ndiyateta inyaniso ku‐Kristu, andixoki,) umfundisi wabaheyideni elukolweni nasenyanisweni.
8Ndinga ke angati wona amadoda atandaze kuzo zonke indawo, epakamisa izandla ezingcwele, engenakuqumba nokupikisana: 9ngokunjalo ndinga bangati nabo abafazi bazihombe ngokuvata okufanelekileyo, benentloni nobutelekelelo; kungabi ngempote, umhlaumbi ngegolide, umhlaumbi ngeperule, umhlaumbi ngezivato ezixabiso likulu, 10kuti, — okufaneleyo abafazi bexela ukuba bayabedesha utixo, kube ngayo imisebenzi elungileyo.
11Makati umlazi ngokuti tu afunde ngolulamelo lwonke. 12Kodwa andivumeli umfazi ukuba afundise, nokuba abe namandla pezu kwendoda, nditi makabe nokuti tu. 13Ngokuba u‐Adame ebedalwe kuqala, wandul’ ukudalwa u‐Eva kamva. 14Kanjako u‐Adame ebengakohliswanga, kodwa umfazi ekohlisiwe nje wangena esigqitweni. 15Noko uya kusindiswa ngokuzalwa kwomntwana, xeshekweni bahlalayo elukolweni, naselutandweni, nasebungcweleni, ndawonye nobutelekelelo.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.