Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6
6
1Kanjalo sisebenza kunye naye nje, nati siyanikunga ukuba maningafumani nilwamkele ufefe lukatixo. 2(Ngokuba esiti: Ngexesha elikolekileyo ndikuvile, nangomhla wosindiso ndikusizile. Nali kaloku ixesha elikolekileyo kakuhle, nangu kaloku umhla wosindiso.) 3Singaniki tuba lokuxakanisa nje nganye into, ukuze singeyiwa isikonzo: 4koko sizibonakalisa ezintweni zonke njengokuba singabakonzi bakatixo, emondeni omninzi, ezimbandezelweni, ezitukutezini, ezixingweni, 5ezibetweni, ezintolongweni, ezimpitimpitini, emizanyweni, ezimpapanyweni, ezinzilweni; 6ebucocweni, ekwazini, ekuzekeni kade, ebubeleni, kumoya oyingcwele, elutandweni olungazenzisiyo, 7elizwini lenyaniso, emandleni katixo, ngezixo̔bo zobulungisa ngasekunene nangasekohlo, 8ngembeko nangehlazo, ngodumo olubi nangodumo oluhle: njengabakohlisi, singabenyaniso noko; 9njengabangaziwayo, besaziwa kakulu noko; njengababubayo, kanti, bona ke, sihleli; njengabohlwayiwayo, singafiswa noko; 10njengabalusizi, kodwa sivuya ngamaxesha onke; njengababuhlwempu, kodwa sityebisa abaninzi; njengabangenanto, sifuya izinto zonke noko.
11Umlomo wetu uvulekile ngakuni, ma‐Korinte! intliziyo yetu yandisekile. 12Anixingekile kuti, kodwa nixingekile kuwo umbilini wenu. 13Kekaloku ukubuyekeza into ekwa yiyo, (ndiyateta njengakubo abantwana bam,) yibani nandisekile nani.
14Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama? 15no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo? 16netempile katixo inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile katixo ohleliyo; njengokuba etshilo utixo ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu kum. 17Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho uyehova, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela, 18ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho uyehova usomandla.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.