Izenzo zabapostile 12
12
1Kekaloku ngalo eloxesha u‐Herodi ukumkani wabeka izandla pezu kwabatile baseṙementeni ukubapata kakubi. 2Waza wabulala u‐Yakobi umkuluwe ka‐Johane ngesiṙele. 3Wati akubona ukuba oko kwakolisa ama‐Juda, walekela ukumbamba no‐Petrosi. (Ibiyimihla yezonka ezingenagwele leyo.) 4Wati kanjalo akuba embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kwamaqelana amane amasodati amane ukuba amlinde, efuna ukuti emveni kwepasika amr̔olele ebantwini. 5Kwa njalo ke u‐Petrosi ebegcinwa entolongweni: kodwa utandazo olwomeleleyo belumenzelwa yiṙemente kutixo.
6Kekaloku xeshekweni u‐Herodi ebeza kumvelisa, kwa ngobobusuku u‐Petrosi ebelele ubutongo pakati kwamasodati amabini, enxityelelwe ngemixokelelwane emibini; nabalindi pambi kwocango bebegcina intolongo. 7Yaza, bona ke, ingelosi yenkosi yema ngakuye, nenkanyiso yakanya entolongweni. Yati yona yabambata icala lika‐Petrosi, yamvusa, isiti: Suka ngobunxamo. Yaza imixokelelwane yake yawa ezandleni zake. 8Yati kanjalo ingelosi kuye: Binqa, ufake izihlangu zako. Wenje njalo ke. Yaza yati kuye: Yiti tyu ingubo yako, undilandele. 9Wapuma ke, wayilandela; kanti ebengazi ukuba yinyaniso into eyenziwayo yingelosi, kodwa ebeba uyabona umboniso. 10Bati bakuba bedlulile elokuqala iqela labalindi nelesibini, beza esangweni lentsimbi, elisingela esixekweni, elati lavuleka kubo ngokwalo: baza bapuma, bacanda isitarate sasinye; yandula yaselisimka ingelosi kuye.
11Waza u‐Petrosi akubuya waziqonda, wati: Kaloku ndiyazi ngenyaniso, ukuba inkosi yatuma ingelosi yayo, yandihlangula esandleni sika‐Herodi, nakuko konke ukukangela kwabantu bama‐Juda. 12Waza wati akutelekelela, weza endlwini ka‐Mariya unina ka‐Johane, obebizwa ngelinye igama elingu‐Maraki, apo abaninzi babe bebutene ndawonye kona betandaza. 13Kekaloku akuba u‐Petrosi ebeqongqotile elucangweni lwesango, kweza isicakazana ukuza kupulapula, esigama lalingu‐Roda: 14esati sakulazi ilizwi lika‐Petrosi, asavula isango ngenxa yovuyo, sangena ngokubaleka, satyela ukuba u‐Petrosi umi pambi kwesango. 15Bati ke bona kuso: Uyageza. Koko sona sibe siqinisa ukutshoza ukuba kunjalo. Baza bati: Yingelosi yake. 16Kodwa u‐Petrosi ebemana eqongqota: bati bakuvula, bambona, bamangaliswa ke. 17Koko yena ebakobele ngesandla ukuba bati tu, wababalisela okokuba yati nina inkosi ukumku̔pa entolongweni. Waza wati: Shumayelani ezizinto ku‐Yakobi, nakubo abazalwana. Waza wemka, waya kwenye indawo.
18Kekaloku kwakuba kusile, bekuko isipitipiti esingencinane pakati kwamasodati, sokuba u‐Petrosi uhlelwe yinto nina ke. 19Wati u‐Herodi akuba ebemfunile, engamfumananga nje, wabuza abalindi, waxela ukuba bafiswe. Waza wehla e‐Judeya waya e‐Kesareya, wahlala kona.
20Waye u‐Herodi ebejalile ngakuwo ama‐Tire nama‐Tsidone: kodwa eza kuye ngentliziyo nye; ati etomalalisile u‐Balastusi obepezu kwenkambili yokumkani, acela uxolo; ngenxa yokuba ilizwe lawo belizuza ukutya kwelokumkani. 21Waza u‐Herodi ngemini emiselweyo, esambete isivato sobukumkani, wahlala pantsi esihlalweni esipakamileyo, wenza isiteto kuwo. 22Bandula abantu bamemeza, besiti: Lilizwi lotixo, asi lelomntu. 23Yaselimbeta kwa oko ingelosi yenkosi, ngenxa yokokuba akamnika utixo udumo: waza wadliwa zimpetu, wapuma umpefumlo.
24Kodwa ilizwi likatixo lalikula, lalisandiswa. 25Bati ke u‐Banabasi no‐Saulusi babuya e‐Yerusaleme, bakuba bebezalisekisile ukonzo lwabo, batabata nabo no‐Johane, owabizwa ngelinye igama elingu‐Maraki.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: