Izenzo zabapostile 7
7
1Waza wati umperisite omkulu: Kanene ezizinto zinjalo kusinina?
2Waza wati yena: Madoda, bazalwana nobawo! pulapulani. Utixo wobungcwalisa wabonakala kubawo wetu u‐Abrahame, nxa abese‐Mesopotami, engekahlalanga e‐Karane, 3wati kuye: Puma elizweni lakowenu, nasezalamaneni zako, uze elizweni endisukuba ndikubonisa lona. 4Wandula wapuma elizweni lama‐Kaledine, wahlala e‐Karane. Waza wamsusa kona, emveni kwokufa kwoyise, wamfudusela kwelilizwe enihlala kulo nina ngoku. 5Akamnika lifa ke kulo, engamnikanga nendawo yokunyatelwa kwonyawo: kanti noko wambekela ngedinga lokuba wolinika kuye libe yimfuyo, nakwinzalo yake emva kwake, nxa abengenamntwana. 6Waza wateta ngokunje utixo, ukuti: Inzalo yake yopambukela ezweni labasemzini, abaya kuyikonzisa bayipate kakubi iminyaka emakulu mane. 7Nesosizwe isukuba ikonza kuso, watsho utixo, ndiya kusigweba; yaiya kuti emveni kwoko ipume, ikonze mna kulendawo. 8Kanjako wamnika ucebano lwolwaluko: kwa njalo ke wazala u‐Yisake, wamalusa ngomhla wesibozo; waza u‐Yisake wazala u‐Yakobi, no‐Yakobi wazala oyise abakulu boshumi linababini.
9Baza oyise abakulu bezondele u‐Josefe bamtengisela e‐Jipete: kanti utixo ebenaye, 10wamhlangula kuzo zonke imbandezelo zake, wamnika ufefe nobulumko ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete, owammisa umpati pezu kwe‐Jipete, napezu kwayo yonke indlu yake.
11Kekaloku kweza indlala pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete nele‐Kanane, nobunzima obukulu; baye bengafumani kutya obawo betu. 12Kodwa akuva u‐Yakobi ukuba iko inqolowa e‐Jipete, watuma obawo betu okwokuqala. 13Nangokwesibini u‐Josefe wazazisa kubakuluwe bake, bati abalamane baka‐Josefe bazeka ku‐Faro. 14Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke. 15Waza u‐Yakobi wehlela e‐Jipete, wabuba yena, nobawo betu, 16basuselwa e‐Shekeme, babekwa encw̔abeni abelitengile u‐Abrahame ngenani lemali elusatsheni luka‐Hamore uyise ka‐Shekeme.
17Kodwa njengokuba libe lisondela ixesha ledinga abelifungile utixo ku‐Abrahame, kwa njalo bakula abantu, bandiswa e‐Jipete, 18kude kwavuka ukumkani wumbi, obengenakumazi u‐Josefe. 19Yena lo wenza ngobuqinga kwisizwe sakowetu, wabapata kakubi obawo betu, kuze kulahlwe intsana zabo, ukuba zingagcinwa zihleli.
20Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu. 21Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo. 22Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako. 23Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli. 24Waza akubona omnye obesoniwa, wamsiza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete. 25Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba utixo wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda. 26Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane? 27Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu? 28ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete? 29Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini.
30Kwaza kwati kwakuzaliseka iminyaka imashumi mane, kwabonakala kuye entlango yasentabeni ye‐Sinai ingelosi yenkosi elangatyeni lomlilo etyolweni. 31Wati u‐Mosesi akubona, wasitela nqa isibonakalo eso; naxeshekweni ebesondela ukuza kubonela, kweza ilizwi lenkosi kuye, lisiti: 32Mna ndi ngutixo woyihlo bako, utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wangcangcazela, wabengenakukalipa kwokubonela. 33Yaza yati inkosi kuye: Tula izihlangu zenyawo zako; ngokuba indawo umiyo kuyo ingumhlaba ongcwele. 34Ndikolisile ukubona ukupatwa kakubi kwabantu bam abase‐Jipete, nokugula kwabo ndikuvile; ndihle ke ukuba ndibahlangule: yiza ke kaloku, ndokutuma e‐Jipete.
35Yena lo u‐Mosesi abamkanyelayo, besiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi? yena lo utixo wamtuma abe yinkosi nomkululi ngesandla sengelosi eyabibonakala kuye etyolweni. 36Nguye lo owabaku̔payo, eyenzile imimangaliso nemiqondiso elizweni le‐Jipete, naselwandle olubomvu, nasentlango iminyaka imashumi mane. 37Nguye lo oyena Mosesi owati elusatsheni luka‐Sirayeli: Uyehova, utixo wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva. 38Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, nakunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti: 39ababengavumi obawo betu ukumpulapula, koko bamtya̔layo, bati intliziyo zabo babuyela e‐Jipete, 40esiti ku‐Arone: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lo, owasiku̔payo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhlelwe yinto nina. 41Baza badala itole kwezontsuku, banikela idini kwisitixo eso, bagcoba kuyo imisebenzi yezandla zabo. 42Wajika ke utixo, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli? 43kanti nayifunqula intentana ka‐Moleke, nenkwenkwezi yotixo wenu u‐Remfane, imifanekiso enayenzayo ukuba niyibedeshe: ndandiya kunifudusela ele kwe‐Babilone.
44Obawo betu bebenayo intente yesinqi̔no entlango, njengokuba bekumiselwe ngulowo ubeteta ku‐Mosesi ukuba ayenze ngomfanekiselo abewubonile: 45abati kanjalo bayingenisa obawo betu kunye no‐Yoshuwa, beyamkele nje ngokulandelana, ekubambeni kwabo ilizwe labaheyideni, ababegxotwa ngutixo ebusweni bobawo betu, kwada kwayimihla ka‐Davide; 46owafumana ufefe pambi kwotixo, wazicelela ukuba afumanele utixo ka‐Yakobi itabanakele. 47Kodwa u‐Solomone wamakela indlu. 48Noko yena opezu konke akahlali ezitempileni ezenziweyo ngezandla; njengokuba esitsho umprofite ukuti: 49Izulu liyiterone yam, nomhlaba usisitulo senyawo zam; yindlu enina niya kundakela yona? utsho uyehova; umhlaumbi yeyipina indawo yokupumla kwam? 50isandla sam asazenza ezizinto zonke na?
51Nina bantamo zilukuni, nabantliziyo nendlebe zingalukanga! niyamelana nomoya oyingcwele ngamaxesha onke; njengokuba bebesenje njalo oyihlo benu, niyenje njalo nani. 52Nguwupina wabaprofite ongatshutshiswanga ngoyihlo benu? ewe bafisa abo bakushumayela pambili ukuza kwolungileyo; enisand’ ukumngcatsha nokumbulala: 53nina ke eniwamkeleyo umteto ngezimiselo zengelosi, kanti aniwubambanga.
54Kekaloku besiva ezizinto, bebecunukile kakulu ezintliziyweni zabo, bamqaqazelela ngamazinyo. 55Kodwa yena, ezele ngumoya oyingcwele, wabeka amehlo ngasezulwini, wabona ubungcwalisa bukatixo, no‐Yesu emi ngasekunene kwotixo, 56wati: Bona ke, ndiyabona izulu livulekile, nonyana wesintu emi ngasekunene kwotixo. 57Baza badanduluka ngelizwi elikulu, baziti vingci indlebe zabo, bati bukuqu ngentliziyo nye pezu kwake, 58bamkupela pandle kwesixeko, bamgibisela ngamatye: ati amanqi̔na abeka pantsi ingubo zawo ngasezinyaweni zendodana ebibizwa ngo‐Saulusi. 59Baza bamgibisela u‐Stefane ngamatye, ebiza kuyo i‐Nkosi, esiti nokuti: Nkosi Yesu! yamkela umoya wam. 60Waza waguqa ngamadolo, wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Nkosi! ungamisi kubo esisono. Wati akuba etshilo walala ubutongo.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.