Kwaye kuya kuti, nxa UYEHOVA, UTIXO wako, aya kukungenisa kwelozwe owabefungela oyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba alinike kuwe; izixeko ezikulu nezilungileyo ungazakanga, nezindlu ezizele zindyebo zonke ungazizalisanga, namacibi embelweyo ungawembelanga izitiya zemiti yeveyine nezeminquma ungazityalanga; ude utye, uhlute nokuhluta: wandule ulumke, hleze ulibale UYEHOVA, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka.
Funda I‐Duteronomi 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: I‐Duteronomi 6:10-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo