Umshumayeli 2
2
1Ndati entliziyweni yam: Yiza ke, mandikulinge ngemihlali, uze udle ubuyolo: kekaloku bona ke, oku kokungendawo nako. 2Ndati ngohleko: Luyageza; nangemihlali: Iyenza nina le?
3Ndafuna entliziyweni yam ukur̔ola inyama yam ngeveyine, intliziyo yam isakapa ngobulumko; nokubamba ubudenge, ndide ndibone ukuba kuyinina oko kulungele onyana babantu, abaya kukwenza ngapantsi kwezulu, ngenani lemihla yobomi babo.
4Ndazenzela imisebenzi emikulu; ndazakela izindlu; ndazityalela amasimi emiti yeveyine; 5ndazenzela izitiya nemiyezo, ndatyala kuzo imiti yeziqa̔mo zentlobo zonke; 6ndazenzela amacibi amanzi, kuze kunyelwe ngawo ihlati lihluma imiti; 7ndazuza izicaka nezicakakazi, ndabendinabo abazelweyo endlwini yam; kanjalo bendinemfuyo yenkomo nezimvu into eninzi, ingapezu kweyabo bonke abebepambili kum e‐Yerusaleme; 8ndazibutela kwa nesilivere negolide, nezinto ezinqabileyo zokumkani nezamazwana; ndazizuzela abaculi nabaculikazi, neziyoliso zonyana babantu, umfazi nabafazi. 9Ndaba mkulu ke, ndanda ngapezu kwabo bonke abebepambili kum e‐Yerusaleme; kanjalo ubulumko bam bebusahleli nam. 10Nako konke akubizayo amehlo am andikubambanga kuwo; andiyinqandanga intliziyo yam nakwomnye umhlali: ngokuba intliziyo yam ibivuya ngawo wonke umzamo wam; oku ke bekusisabelwa sam sivela kuwo wonke umzamo wam. 11Ndaza ndabeka ngakuyo yonke imisebenzi ezibe ziyenzile izandla zam, nangakuwo umzamo endibe ndizamile ngako ukuyenza: kekaloku bona ke, konke bekukokungendawo nokukatazeka kwomoya; ewe, akuko nzuzo ngapantsi kwelanga.
12Ndasuka ndabeka ukugqala ubulumko, nobugeza, nobudenge: ngokuba eya kwenza nto nina lowamntu oya kumlandela ukumkani? kwa oko sekukade kwenziwe. 13Ndandula ndabona ukuba ubulumko buyagqitisela ubudenge, kwa njengokuba ukukanya kugqitisela ubumnyama. 14Olumkileyo amehlo ake asentlokweni yake, kanti osidenge uyahamba ebumnyameni; sendiyazi noko, kwa mna, ukuba bohlelwa sisihlo sinye bonke. 15Ndaza ndati entliziyweni yam: Njengokuba kuhlela isidenge, kwa njalo kuya kundihlela kwa mna; kunganina ke ngoko ukuba ndigqitisile ngobulumko? Ndandul’ ukuteta entliziyweni yam ukuti: Oku kokungendawo nako. 16Ngokuba kungeko inkunjulwa kwolumkileyo njengeyosidenge kude kube ngunapakade; ngokokuba, njengapambili, emihleni ezayo bolityalwa kwa bonke. Hai ke ukufa kwolumkileyo ukufana nokwesidenge!
17Ngako ndanditiya ubomi, ngokuba ubububi kum lomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga: ngokuba konke kokungendawo nokukatazeka kwomoya. 18Ewe, ndayitiya yonke inzuzo yam endiyizameleyo ngapantsi kwelanga, ngokuba ndiya kuyishiyela lamntu oya kubako emva kwam. 19Kanti ngubanina owaziyo ukuba woba lilumko, woba ligeza, kusinina? Woti ke noko abe namandla pezu kwayo yonke inzuzo yam endiyizameleyo, nendenzileyo ngobulumko ngayo, ngapantsi kwelanga. Oku kokungendawo nako. 20Ndaza ndajika ukuyenza intliziyo yam incame pezu kwawo wonke umzamo endazama ngawo ngapantsi kwelanga. 21Ngokuba kuko umntu omzamo wake ungobulumko, nangokwazi, nangokukutala; kanti wowushiyela umntu ongazamanga ngawo ube sisabelwa sake. Oku nako kokungendawo nobubi obukulu. 22Ngokuba kuyinto nina umntu anako ngawo wonke umzamo wake, nangako konke ukukatazeka kwentliziyo yake, azamile ngawo ngapantsi kwelanga? 23Ngokuba yonke imihla yake ibuhlungu, nomsebenzi wake uyinkatazo; kwa sebusuku ayipumli intliziyo yake. Oku kokungendawo nako.
24Akuko nto elungele umntu ngapezu kwokuba atye, asele, awuvise umpefumlo wake ubuyolo kuwo umzamo wake. Ndayibona nalento ukuba yavela esandleni sikatixo. 25Ngokuba ngubanina ongatyayo, ngubanina onganxamelayo, ngapezu kwam? 26Ngokuba umntu olungileyo ebusweni bake emnika ubulumko, nokwazi, novuyo; kodwa umoni uyamnika umsebenzi wokuhlanganisa nokubuta, ukuba anike kolungileyo ebusweni bukatixo. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
Currently Selected:
Umshumayeli 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: