Umshumayeli 3
3
1KUKO umzuzu kuzo zonke izinto, nexesha kuyo yonke imicimbi ngapantsi kwezulu: 2ixesha lokuzalwa, nexesha lokububa; ixesha lokutyala, nexesha lokudonyula oko kutyaliweyo; 3ixesha lokubulala, nexesha lokupilisa; ixesha lokucita, nexesha lokwaka; 4ixesha lokulila, nexesha lokuhleka; ixesha lokukala, nexesha lokududa; 5ixesha lokuposa amatye, nexesha lokubuta amatye; ixesha lokusingata, nexesha lokupepa ukusingata; 6ixesha lokufuna, nexesha lokulahlekisa; ixesha lokugcina, nexesha lokulahla; 7ixesha lokuṙazula, nexesha lokutungelanisa; ixesha lokuti cwaka, nexesha lokuteta; 8ixesha lokutanda, nexesha lokutiya; ixesha lemfazwe, nexesha loxolo.
9Unenzuzo yanina lowo osebenzayo, ngoko azamileyo ngako?
10Ndiwugqalile umsebenzi awunikileyo utixo konyana babantu, ukuba bazisebenzise ngawo. 11Zonke izinto uzenzile zintle ngexesha lazo: kanjalo ubunapakade ububekile entliziyweni yabo, ekungeko mntu ongati ngapandle kwabo afumane umsebenzi awenzileyo utixo, ekuqaleni kude kube sekupeleni. 12Sendikwazi ukuba akuko nto ebalungeleyo, kupela ukuvuya nokuziyolisa ekudleni kwabo ubomi. 13Nakanjalo, ukuba abantu bonke batye, basele, badle ubuyolo kuwo wonke umzamo wabo, kusisipo sikatixo oko. 14Sendikwazi ukuba konke akwenzayo utixo, oko kwobako kude kube ngunapakade; akungongezwe nto kuko, akungesuswe nto kuko kanjako; uyenje njalo utixo, ukuba kwoyikwe ebusweni bake. 15Lonto ekoyo, ibise iko kade, naleyo iza kubako, ibise iko kade; ngokuba utixo ebiza edlulileyo.
16Nakanjako, ndabona ngapantsi kwelanga indawo yobugwebo, ukuba inkohlakalo ikona; nendawo yobulungisa, ukuba inkohlakalo ikona. 17Ndati entliziyweni yam: Olungileyo nokohlakeleyo wobagweba utixo: ngokuba kuko ixesha kuyo yonke imicimbi nakuyo yonke imisebenzi kona apo. 18Ndati entliziyweni yam, pezu kwendawo yonyana babantu, kukuba utixo abalinge, nokuba babone ngokwabo ukuba banjengazo izilo bona. 19Ngokuba okuhlela onyana babantu, nokuhlela izilo, — bahlelwe yinto ekwa nye; njengokububa kwabo bona, kunjalo ukububa kwazo zona: ewe, banomoya umnye bonke; kanjalo ukudlula kwabantu pezu kwezilo akubonakali; ngokuba bonke bekokungendawo. 20Bonke baya endaweni nye; bonke bavela elutulini, bonke bayabuyela elutulini kanjako. 21Ngubanina owaziyo umoya wonyana babantu ukuba uyanyukela pezulu na, nomoya wezilo ukuba uyehlela ngapantsi emhlabeni na? 22Ngako ndabona ukuba akuko nto elungileyo, ngapezu kwokuba umntu avuye emisebenzini yake; ngokuba oku kusisabelwa sake; ngokuba eya kuziswa ngubanina, ukuba akangele oko okuya kubako emveni kwake?
Currently Selected:
Umshumayeli 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: