Umshumayeli 4
4
1Ndaza ndabuya ndagqala yonke imibandezelo eyenziwayo ngapantsi kwelanga: kekaloku nanziya inyembezi zababandezelweyo, kanti bebengenamku̔zi; nasesandleni sababandezeli babo bekuvela ubudlwengu, kanti bebengenamku̔zi. 2Ngako ndancoma abafileyo abakade befile, ngapezu kwabahleliyo abasahleli ngoku. 3Ewe, ulungile pezu kwabo bobabini lowo ongekabiko, ongabonanga okokwenza okubi okwenziwayo ngapantsi kwelanga.
4Kanjako, ndagqala wonke umzamo, nako konke ukukutala emsebenzini, ukuba ngoko omnye unomona ngomnye. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako. 5Isidenge siyaxabanisa izandla zake, kanti siyadla inyama yaso. 6Isandla sinye sizele kukwonwaba, silungile pezu kwazo izandla zozibini zizele kukuzama nokukatazeka kwomoya.
7Ndandula ndabuya ndagqala into engendawo ngapantsi kwelanga. 8Kuko omnye, kungeko owesibini; ewe, akanamntwana, akanamninawe; uti wonke umzamo wake ungapeli noko; kwa iliso lake alincanyiswa bubutyebi; kanjalo akatsho ukuti: Ngubanina endimzamelayo, nendivimba umpefumlo wam ubuyolo? Oku kokungendawo nako, ewe, ngumsebenzi onzima. 9Ababini bagqitisele oyedwa; ngokuba benomvuzo olungileyo ngenxa yomzamo wabo. 10Ngokuba, nxa bawayo, omnye eya kupakamisa umlingane wake: kodwa au yena oyedwa owayo, kungeko nje owesibini ukuba amsukise! 11Kanjako, ukuba ababini bayalalana, bandule ukufudumala; kodwa oyedwa, angati nina ukufudumala? 12Kanjalo ukuba umntu uyeyisa yena oyedwa, ababini baya kuma pambi kwake; uti umsonto osontiweyo katatu ungaqaulwa kamsinya.
13Umfana olihlwempu olumkileyo, ulungile pezu kwokumkani omdala osisidenge, ongabi sakwazi ukuyalwa. 14Ngokuba omnye epuma endlwini yababanjwa ukuba abe ngukumkani, nxa, kanjalo, ozelweyo ebukumkanini bake aba lihlwempu. 15Ndabona bonke abahleliyo abahamba ngapantsi kwelanga, kunye nomfana lowo, owesibini, opakamayo esikundleni sake. 16Akuko ukupela kubo bonke abantu, kubo bonke abepambi kwabo; noko, abo balandelayo abayi kuvuya ngaye. Ngenyaniso oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
Currently Selected:
Umshumayeli 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: