UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando KATIXO, kubo abangcwele abase‐Efese nabakolwayo ku‐Kristu Yesu: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela KUTIXO ubawo wetu, NENKOSI u‐Yesu Kristu.
Makabongwe yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, owasitamsanqelayo ngawo onke amatamsanqa abumoya kwezasezulwini indawo ku‐Kristu: njengokuba wasiqashayo kuye lingekamiswa ilizwe, ukuba sibe singcwele simsulwa pambi kwake elutandweni; esimisele ukumiswa kwobunyana kwa pambili nje ngaye u‐Yesu Kristu kwa kuye ngokwake, ngokwenkoliso yentando yake, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bofefe lwake, ekukulo wasipa ufefe kotandiweyo; esiti kuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lweziposo zetu, ngokwobutyebi bofefe lwake, owalwenzayo lukolise ukusandela kubo bonke ubulumko nobutelekelelo; esazisile nje imfihlakalo yentando yake, ngokwenkoliso yake owazicingelayo yona ngokwake, ngalo ulwabo lwenzaliseko yamaxesha, kuze kubuye kuhlanganiselwe ndawonye zonke izinto kuye u‐Kristu, nezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, kwa kuye yena; ekukuye kanjalo sazuziswa ilifa, simiselwe pambili nje ngokwemvume yake ozenzayo zonke izinto ngokwecebo lentando yake; ukuze tina sibe ngenxa yokudunyiswa kwobungcwalisa bake, tina ke esitembileyo pambili kuye u‐Kristu: ekukuye nani, nakuva ilizwi lenyaniso, ivangeli yosindiswa lwenu, — ekukuye, nakukolwa kanjalo, nancanyatiselwa NGOMOYA OYINGCWELE wedinga, osisibambiselo selifa letu, kube kukukululwa kwemfuyo yake etengiweyo, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bake.
Ngenxa yoku nam, ndakuva inkolo eninayo KWINKOSI u‐Yesu, notando lwenu olungakubo bonke abangcwele