KWABASE-EFESE 1:1-15
KWABASE-EFESE 1:1-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu; athi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu; njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe; othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe, ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo; esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe; awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda; esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe, ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni; ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe; ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu; enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu — enithe, nakùkholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe. Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, àndiphezi ukubulela ngenxa yenu
KWABASE-EFESE 1:1-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mna Pawulos, *umthunywa kaKrestu Yesu ngokuthanda kukaThixo, ndibhalela abantu bakaThixo [abahlala e-Efese,] abakholwayo kuYesu Krestu. Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu. UThixo wasinyula ngoKrestu kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, ukuze sibe ngabantu bakhe abangenasiphako ngenxa yothando. UThixo akuba ethandile wagqiba kwangaphambili ukuba asenze oonyana bakhe ncakasana ngoYesu Krestu. Ngoko ke masimdumise uThixo ngenxa yesisa sakhe esisodwa asenzele sona ngoNyana wakhe oyintanda! Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa asenzele sona uThixo ngokusazelelela. Kaloku kwakholeka kuThixo ukusityhilela icebo lakhe athande ukulifezekisa ngoKrestu. Eli cebo lithwasisa ukufezekiswa kwamaxesha ngenjongo yokubandakanya kuKrestu zonke izinto, ezisezulwini nezisemhlabeni. Ngenene sifumene isabelo selifa lethu ngokumanywa noKrestu. UThixo owenza zonke izinto ngokwezigqibo necebo lakhe wasinyulela elo lifa kwantlandlolo. Kuba kaloku yintando yakhe ukuba kuthi ngenxa yethu, thina sathembela kuKrestu kuqala, kuvakaliswe indumiso yesidima sakhe. Nani ke, nimanywe noKrestu nje, nizivile iindaba ezimnandi, ezichaza ngenyaniso yosindiso, nazamkela. Ke ngoko uThixo waniphawula ngoMoya oyiNgcwele owathenjiswayo. Lo Moya ke usisiqinisekiso selifa lethu esiya kulifumana lakufika ixesha lenkululeko yemilowo yakhe, ukuze kubongwe kudunyiswe isidima nesithozela sikaThixo! Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo
KWABASE-EFESE 1:1-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu; Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, osibabale ngazo zonke iintsikelelo zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu; njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nakusoleka phambi kwakhe; ethe ngenxa engaphambili wasimisela ngenxa engaphambili ukuba senziwe oonyana ngoYesu Kristu kuye ngokwakhe, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe; Ngenxa yozuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye othandiweyo; esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, uxolelo lwezono, ngokobutyebi bobabalo lwakhe; Uye waphuphumela kuthi kubo bonke ubulumko nokuqonda; esazisile ke imfihlelo yokuthanda kwakhe, ngokokuthanda kwakhe, awamisa ngako ngokwakhe; ukuze ngexesha lokuzaliseka kwamaxesha, azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni; nakuye: Esathi kuye nathi sazuza ilifa, simiselwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe; ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathembela kuKristu kuqala; enithe nakholwa kuye nani, emveni kokuliva kwenu ilizwi lenyaniso, iindaba ezilungileyo zosindiso lwenu; enathi, nakholwa kuye, natywinwa natywinwa nguMoya oyiNgcwele wedinga; osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe. Ngoko ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kwiNkosi uYesu, nangothando eninalo kubo bonke abangcwele.
KWABASE-EFESE 1:1-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando KATIXO, kubo abangcwele abase‐Efese nabakolwayo ku‐Kristu Yesu: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela KUTIXO ubawo wetu, NENKOSI u‐Yesu Kristu. Makabongwe yena UTIXO noyise WENKOSI yetu u‐Yesu Kristu, owasitamsanqelayo ngawo onke amatamsanqa abumoya kwezasezulwini indawo ku‐Kristu: njengokuba wasiqashayo kuye lingekamiswa ilizwe, ukuba sibe singcwele simsulwa pambi kwake elutandweni; esimisele ukumiswa kwobunyana kwa pambili nje ngaye u‐Yesu Kristu kwa kuye ngokwake, ngokwenkoliso yentando yake, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bofefe lwake, ekukulo wasipa ufefe kotandiweyo; esiti kuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lweziposo zetu, ngokwobutyebi bofefe lwake, owalwenzayo lukolise ukusandela kubo bonke ubulumko nobutelekelelo; esazisile nje imfihlakalo yentando yake, ngokwenkoliso yake owazicingelayo yona ngokwake, ngalo ulwabo lwenzaliseko yamaxesha, kuze kubuye kuhlanganiselwe ndawonye zonke izinto kuye u‐Kristu, nezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, kwa kuye yena; ekukuye kanjalo sazuziswa ilifa, simiselwe pambili nje ngokwemvume yake ozenzayo zonke izinto ngokwecebo lentando yake; ukuze tina sibe ngenxa yokudunyiswa kwobungcwalisa bake, tina ke esitembileyo pambili kuye u‐Kristu: ekukuye nani, nakuva ilizwi lenyaniso, ivangeli yosindiswa lwenu, — ekukuye, nakukolwa kanjalo, nancanyatiselwa NGOMOYA OYINGCWELE wedinga, osisibambiselo selifa letu, kube kukukululwa kwemfuyo yake etengiweyo, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bake. Ngenxa yoku nam, ndakuva inkolo eninayo KWINKOSI u‐Yesu, notando lwenu olungakubo bonke abangcwele