KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo UTIXO ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; ngokuba esazi UTIXO, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba NJENGOTIXO, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo. Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo. Andula ukugatyulwa amehlo abo bobabini, baqonda ukuba bazé; bati ngoko batungelanisa amagqabi omkiwane, bazenzela imibinqo.
Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi LIKAYEHOVA UTIXO, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso BUKAYEHOVA UTIXO, pakati kwemiti yomyezo. Waye UYEHOVA UTIXO embiza u‐Adame, wati kuye: Upina? Wati yena: Ilizwi lako ndaliva emyezweni, ndaza ndoyika, ngokuba ndizé; ndazimela ngoko. Wayesiti: Utyelwe ngubanina ukuba uzé? Utyile na kulomti endandikuyalela ngawo ukuba ungatyi kuwo? Wati u‐Adame: Umfazi, lo ubumnika abe nam, nguye owandinika kulomti, ndide ndatya. Waza UYEHOVA UTIXO wati emfazini: Kuyinto nina oku ukwenzileyo? Wati umfazi: Inyoka yandikohlisa, ndaza ndatya.
Wandul’ ukuti UYEHOVA UTIXO enyokeni: Ngokokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe wena pezu kwazo zonke inkomo, napezu kwazo zonke izilo zasendle; uya kuhamba ngesisu, utye utuli yonke imihla yokudla kwako ubomi: ndandiya kumisa ubutshaba pakati kwako nomfazi, napakati kwenzalo yako nenzalo yake; iya kukutyumza intloko yona, uti wena uyityumze isitende.
Wati kumfazi: Ndiya kwandisa kakulu usizi lwokumita kwako; uya kuzala abantwana ngosizi; kwoti ukukanuka kwako kube ngasendodeni yako, iti yona ikwongame.
Wayesiti ku‐Adame: Ngokokuba ubupulapula ilizwi lomfazi wako, watya kulomti ndabendikuyalela ngawo, ndisiti: Ungatyi kuwo; uqalekisiwe umhlaba ngenxa yako; uya kutya okwawo ngosizi yonke imihla yokudla kwako ubomi. Kanjalo ameva namakakakaka uya kuwahlumisela kuwe; wauya kutya umfuno wasendle. Ngokubila kwobuso bako uya kutya isonka, ude ubuyele emhlabeni; ngokuba kwa kuwo ubucatshulwa: ngokuba ulutuli wena, wauya kubuyela elutulini kanjako.
Waye u‐Adame wambiza umfazi wake ngegama elingu‐Eva; ngokuba yena ebengunina wabo bonke abapilileyo.
Kanjalo UYEHOVA UTIXO wenzela u‐Adame nomfazi wake ingubo zezintsu, wabambatisa.
Wayesiti UYEHOVA UTIXO: Bona ke, umntu ude waba njengomnye wakuti, ukwazi okulungileyo nokukohlakeleyo; nakaloku, ukuze angoluli isandla sake, atabate nakumti wobomi, atye nokutya, ade apile kude kube ngunapakade:— ngako UYEHOVA UTIXO wamkupa emyezweni wase‐Hedeni, ukuze alime umhlaba abecatshulwe kuwo. Waza wamgxotela pandle umntu; wazimisa ngasempumalanga yomyezo wase‐Hedeni ikerubime, nesiṙele esibulangatye esijikajikayo, kuze kugcinwe indlela yawo umti wobomi.