Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IGENESIS 3:1-24

IGENESIS 3:1-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Útshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla. Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba zé; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo. Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Ùphi na? Wathi yena, Ndivé isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba zé; ndazimela. Wathi, Ùxelelwe ngubani na, ukuba uhamba zé? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo? Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, ùqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho ziné, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende. Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona. KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, úqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; ùya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. Úya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, ùdle umfuno wasendle. Ùya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba ùluthuli, ùya kubuyela kwaseluthulini. UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva,• ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke. UYehova uThixo wabenzela iingubo zezìntsu uAdam nomkakhe, wabambathisa. Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade: uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi,• nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.

IGENESIS 3:1-24 IBHAYIBHILE (XHO96)

Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?” “Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula. “Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.” Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife. Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.” Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya. Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa. Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho. UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?” Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.” Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?” Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.” UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?” Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.” *UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka: “Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo. Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu, utye uthuli bonke ubomi bakho. Ndiza kudala ubutshaba phakathi kwakho nomfazi. Inzala yakho neyakhe ziya kuhlala zithiyene. Yona yokucumza intloko; wena woyiluma isithende.” Waza wathi kuloo mfazi: “Wena uza kuthwala ubunzima ngakumbi xa ukhulelwe, udliwe yinimba xa uzalayo. Noko kunjalo umyeni wakho ùya kumlangazelela, lo gama ayinkosi yakho.” Uthe endodeni uThixo: “Wena uve umkakho, watya kumthi ebendithe kuwe uze ungatyi kuwo. Ngenxa yento oyenzileyo ke úqalekisiwe ngoku umhlaba. Ùya kusebenza nzima bonke ubomi bakho, ukuze umhlaba uvelise ukutya. Kohluma ukhula nenkunzane. Uya kufa yindlala, utye umfino. Uya kutya ukubila kwakho ude ubuyele kwakuloo mhlaba wawuthathwe kuwo. Wênziwa ngomhlaba; ke uya kubuya ube ngumhlaba.” UAdam wamthiya igama umkakhe, wathi nguEfa, kuba kaloku luzalwa nguye lonke uluntu. UNdikhoyo uThixo wabenzela izambatho zesikhumba senyamakazi, wabambesa zona ooAdam noEfa. Wathi ke *uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo. Kwicala elingasempumalanga lomyezo uThixo wabeka *izithunywa ezimaphiko nekrele elidangazelayo, elijika-jika lijonge kwiimbombo zonke. Zazilinde ukuba kungabikho bani usondelayo kumthi wobomi.

IGENESIS 3:1-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zomhlaba, awazenzayo uYehova uThixo. Yathi kumfazi, Ewe, uthe uThixo, Musani ukuyidla yonke imithi yomyezo? Wathi umfazi enyoka, Iziqhamo zemithi yasendle sinokuzidla. Ke zona iziqhamo zomthi osemyezweni osesazulwini somyezo, wathi uThixo, Ningazidli, ningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa. Kuba esazi uThixo ukuba, xa nithe nadla, oqabuka amehlo enu, nibe njengothixo, nazi okulungileyo nokubi. Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, uyawakholisa amehlo, nokuba umthi onqwenelekayo ebubulumko, wathabatha isiqhamo sawo, wadla, wanika indoda yakhe; wadla. Aqabuka amehlo abo bobabini, baqonda ukuba kutheni bebodwa; bathunga amagqabi omkhiwane, benza ezabo iingubo. Baliva izwi likaYehova uThixo, ekuhambeni kwakhe emyezweni, kwakuba pholileyo; bazímela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo. uYehova uThixo wambiza umntu, wathi kuye, Uphi na? Wathi uAtam, Ndive isandi sakho endle, ndasuka ndoyika, ngokuba ndingakholosanga; ndazimela. Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uwedwa? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ukuba ungadli kuwo? Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinike umthi, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le uyenzileyo? Wathi umfazi: “Inyoka indikhohlisile, ndadla. Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kweenkomo zonke, naphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zehlabathi; uya kuhamba ngomlomo wakho, udle uthuli yonke imihla yobomi bakho. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; iya kukunqumla intloko, kwaye uya kuyiluma isithende. Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni; uya kuzala abantwana eneneni; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona. Wathi kuAdam, Ekubeni uliphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Musa ukusidla kuwo; uqalekisiwe umhlaba; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho; Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane; nidle utyani belizwe; Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni; ngokuba ukhutshiwe kuwe; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini. uAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva; ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke. uYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa ngazo. Yathi iNkosi uYehova: Yabonani, umntu ufana nomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; kwaye ngoku, xa akasolula isandla sakhe, wathabatha kuwo umthi wobomi, wadla kuwo, waza waphila ngonaphakade. uYehova uThixo wamkhupha emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. Waza wayindulula indoda; Wabeka iikerubhi ngasempumalanga yomyezo wase-Eden, nelangatye lekrele elijikajikayo, elijikajikayo, ukuba ligcine indlela eya emthini wobomi.

IGENESIS 3:1-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KEKALOKU inyoka ibinamaqokolo ngapezu kwazo zonke izilo zasendle, abezenzile UYEHOVA UTIXO. Yada yati emfazini: Kanene utshilo na UTIXO ukuti: Aniyi kutya kuyo yonke imiti yalomyezo? Waza wati umfazi enyokeni: Singatya kuso isiqa̔mo semiti yalomyezo; kanti isiqa̔mo somti opakati emyezweni, utshilo UTIXO ukuti: Ningatyi kuso, ningabi nakusicukumisa kanjalo, hleze nife. Yandula yati inyoka emfazini: Aniyi kufa ngokufa; ngokuba esazi UTIXO, okokuba noti, mhlana nitya kuso, nandule nigabuke amehlo enu, naniya kuba NJENGOTIXO, nikwazi nje okulungileyo nokukohlakeleyo. Wati akubona umfazi ukuba umti lowo umnandi ukutyiwa, nokuba utandeka emehlweni, kwa umti onokukanukwa ukulumkisa, wandula watabata kwisiqa̔mo sawo, watya ke; wanika nendoda yake kunye naye, eyatya nayo. Andula ukugatyulwa amehlo abo bobabini, baqonda ukuba bazé; bati ngoko batungelanisa amagqabi omkiwane, bazenzela imibinqo. Kwaye kute ekubeteni kwempepo, baliva ilizwi LIKAYEHOVA UTIXO, ehamba emyezweni: baza u‐Adame nomfazi wake bazimela ubuso BUKAYEHOVA UTIXO, pakati kwemiti yomyezo. Waye UYEHOVA UTIXO embiza u‐Adame, wati kuye: Upina? Wati yena: Ilizwi lako ndaliva emyezweni, ndaza ndoyika, ngokuba ndizé; ndazimela ngoko. Wayesiti: Utyelwe ngubanina ukuba uzé? Utyile na kulomti endandikuyalela ngawo ukuba ungatyi kuwo? Wati u‐Adame: Umfazi, lo ubumnika abe nam, nguye owandinika kulomti, ndide ndatya. Waza UYEHOVA UTIXO wati emfazini: Kuyinto nina oku ukwenzileyo? Wati umfazi: Inyoka yandikohlisa, ndaza ndatya. Wandul’ ukuti UYEHOVA UTIXO enyokeni: Ngokokuba ukwenzile oku, uqalekisiwe wena pezu kwazo zonke inkomo, napezu kwazo zonke izilo zasendle; uya kuhamba ngesisu, utye utuli yonke imihla yokudla kwako ubomi: ndandiya kumisa ubutshaba pakati kwako nomfazi, napakati kwenzalo yako nenzalo yake; iya kukutyumza intloko yona, uti wena uyityumze isitende. Wati kumfazi: Ndiya kwandisa kakulu usizi lwokumita kwako; uya kuzala abantwana ngosizi; kwoti ukukanuka kwako kube ngasendodeni yako, iti yona ikwongame. Wayesiti ku‐Adame: Ngokokuba ubupulapula ilizwi lomfazi wako, watya kulomti ndabendikuyalela ngawo, ndisiti: Ungatyi kuwo; uqalekisiwe umhlaba ngenxa yako; uya kutya okwawo ngosizi yonke imihla yokudla kwako ubomi. Kanjalo ameva namakakakaka uya kuwahlumisela kuwe; wauya kutya umfuno wasendle. Ngokubila kwobuso bako uya kutya isonka, ude ubuyele emhlabeni; ngokuba kwa kuwo ubucatshulwa: ngokuba ulutuli wena, wauya kubuyela elutulini kanjako. Waye u‐Adame wambiza umfazi wake ngegama elingu‐Eva; ngokuba yena ebengunina wabo bonke abapilileyo. Kanjalo UYEHOVA UTIXO wenzela u‐Adame nomfazi wake ingubo zezintsu, wabambatisa. Wayesiti UYEHOVA UTIXO: Bona ke, umntu ude waba njengomnye wakuti, ukwazi okulungileyo nokukohlakeleyo; nakaloku, ukuze angoluli isandla sake, atabate nakumti wobomi, atye nokutya, ade apile kude kube ngunapakade:— ngako UYEHOVA UTIXO wamkupa emyezweni wase‐Hedeni, ukuze alime umhlaba abecatshulwe kuwo. Waza wamgxotela pandle umntu; wazimisa ngasempumalanga yomyezo wase‐Hedeni ikerubime, nesiṙele esibulangatye esijikajikayo, kuze kugcinwe indlela yawo umti wobomi.