Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 7
7
1NGOKUBA yena lo u‐Makizedeki, ukumkani we‐Saleme, umperisite katixo opezu konke, owakaulela u‐Abrahame ebuya ekubetweni kwabo okumkani wamtamsanqela; 2okuye u‐Abrahame wabela kwa isiqingata seshumi kuko konke; enguye kuqala ngokukunyushwa ukumkani wobulungisa, nasemva kwoko nokumkani we‐Saleme, okukuti, ukumkani woxolo; 3engenayise, engenanina, engenakuba̔lelwa ngokuzalwa, engenasiqalo semihla, engenasipelo sokudliwa kwobomi; kodwa efanekisiwe nonyana katixo; uyahlala engumperisite ngonapakade.
4Gqalani ke ukuba umkulu kangakanana lomntu, okuye u‐Abrahame ubawo omkulu wanika kwa isiqingata seshumi kuwo amaxoba. 5Nabo okunene bakubo onyana baka‐Levi, ababamkelayo ubuperisite, banomyalezo wokuba batabate izishumi kubo abantu ngokwomteto, oku kukuti, kubo abzalwana babo, nangona bapumayo esinqeni sika‐Abrahame; 6kodwa lowo ungabalelwayo ukuba uvela kubo, utabatile izishumi ku‐Abrahame, watamsanqela lowo ubenawo amadinga: 7nangapandle kwako konke ukupikwa, okuncinane kuyatanyusanqelwa kokukulu.
8Kanjalo apa bayatabata izishumi abantu ababubayo; kodwa apo uyazitabata onqi̔nelwayo ukuba uhleli. 9Kanjako, ukuba ndingaba nokutsho, ute no‐Levi, ozamkela izishumi, wanika izishumi ngaye u‐Abrahame: 10ngokuba ebeseko esinqeni soyise, oko u‐Makizedeki wamkaulelayo.
11Ukuba ke ngoko ufezeko beluko ngobuperisite bakuba‐Levi, (ngokuba abantu bebenikwe umteto pezu kwabo,) bekusafunwa nto nina, ukuba kuvuke umperisite wumbi ngesimo sika‐Makizedeki, nokuba angabizwa ngesimo sika‐Arone? 12Ngokuba ubuperisite buguqulwa nje, kufanelekile ukuba kube kukuguqulwa kwomteto nawo. 13Ngokuba lowo ezizinto zitetwa ngaye engowesimbi isizwe, ekungeko mntu wakuso okonzileyo esibingelweni. 14Ngokuba kubonakala kwa sekuhleni ukuba inkosi yetu yapuma kwesika‐Juda; isizwe angasitetelanga luto u‐Mosesi ngabo ubuperisite. 15Kanjalo oku kusabonakala ekuhleni kakulu ngakumbi; ukuba kuvukile umperisite wumbi ngokufana no‐Makizedeki, 16owenziwe njalo, kungengokwomteto womyalelo obunyama, koko kungokwamandla obomi nobungenakupela. 17Ngokuba enqi̔na esiti: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki. 18Ngokuba kuko okunene ukubujiswa kwomyalelo owandulelayo, ngenxa yobutataka bawo nokungancedi kwawo; 19ngokuba umteto ungafezekisanga luto; kodwa kuko ukungeniswa kwetemba elilungileyo ngakumbi, esiti ngalo sisondele kutixo.
20Kanjako njengoko bekungengapandle kwesifungo abesenziwa umperisite; ( 21ngokuba bona benziwe abaperisite ngapandle kwesifungo; kodwa yena wenziwe ngesifungo, ngaye lowo ubesiti kuye: Uyehova ufungile, akayi kuguquka: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki:) 22kwa ngokunjalo u‐Yesu wenziwe umbambisi wocebano olulungileyo ngakumbi.
23Kanjako bona, ngabaninzi abenziwe abaperisite, ngenxa yokuba bexakwa ngokufa ukuhlala kade: 24kodwa yena, ngenxa yokuba ehlala kude kube ngunapakade, unobuperisite obungenakugqitela kwabanye. 25Kukona angati kanjalo agqibele ukusindisa abo bezayo ngaye kutixo, kuba ehleli amaxesha onke ukubatetelela.
26Ngokuba umperisite onjalo ebesifanekele, ongcwele, ongenatyala, onganco̔lisekileyo, owahlukile kwaboni, opakanyiselwe pezulu pezu kwamazulu; 27ongafaneleyo ukuti ixesha ngexesha, njengabaperisite abakulu abo, anikele amadini kube tanci ngenxa yezake izono, kube kamva ngenxa yezabantu; ngokuba oku wakwenza kwa kanye, akuzinikela yena. 28Ngokuba umteto ubamisa abantu benobutataka ukuba ngabaperisite abakulu; kodwa ilizwi lesifungo, esibe sisemveni kwomteto, liyamisa unyana, efezekisiwe kude kube ngunapakade.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: