Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 8
8
1KEKALOKU eyona nto inkulu kwezozinto zite-wayo, yeyokuba sinonjalo engumperisite omkulu, ohleli pantsi ngasekunene kweterone yobukulukazi emazulwini; 2umkonzi weyingcwele indawo, nowetabanakele eyinyaniso, leyo iyimisileyo inkosi, engenguye umntu.
3Ngokuba osukuba engumperisite omkulu emiselwa ukuba anikele iminikelo namadini: kukona kufanelekile ukuba naye lo abe nento angayinikelayo. 4Ngokuba yena ukuba ebeko emhlabeni, ngeengabi engumperisite nakanye, sebeko nje abaperisite abanikelayo iminikelo ngokwomteto; 5abati bona basikonze isifanekiso nesitunzi sezinto zasezulwini, kwa njengokuba u‐Mosesi ebeyalwa ngutixo, akuba ebeza kuyenza itabanakele; ngokuba esiti: Lumka ukuba uzenze zonke izinto ngomfanekiselo ububoniswa wona entabeni: 6kodwa kaloku uzuzile isikonzo esidluliseleyo ngakumbi, kwa ngendawo lugqitisele ngakumbi ngayo ucebano angumlamli walo, oluqinisiwe lona pezu kwamadinga alungileyo kwawolunye.
7Ngokuba olo lwokuqala ukuba belungenanto yokweyiwa, ngekungafunelwanga olwesibini indawo. 8Ngokuba elweya nje lona esiti kubo: Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kwenzela indlu ka‐Sirayeli nendlu ka‐Juda ucebano olutsha: 9lungenjengalo ucebano endalwenzayo noyise babo, emhleni ndabendibamba isandla sabo, ukuba ndibapumise elizweni le‐Jipete; ngokuba bona bebengahlalanga elucebanweni lwam, nam andabakatalela, utsho uyehova. 10Ngokuba lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli emveni kwalomihla, utsho uyehova: Ndiya kubeka imiteto yam engqondweni yabo, napezu kwentliziyo yabo ndoyiba̔la; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu bam. 11Baye bengasayi kufundisa omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, esiti: Yazi uyehova; ngokuba bonke beya kundazi, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo. 12Ngokuba ndiya kuba netaṙu kuko ukungalungi kwabo, nezono zabo nezigqito zabo andisayi kubuya ndizikumbule.
13Ekubeni ati: Ucebano olutsha; ulwenzile ludala olwokuqala. Kodwa oko kwenziwayo okudala nokwalupeleyo, kukufupi nokutiwa shwaqe.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: