U‐Hosheha 14
14
1BUYELA, Sirayeli! kuyehova, utixo wako; ngokuba uwile ngenkohlakalo yako. 2Tabata nawe amazwi, uze ubuyele kuyehova; yitini kuye: Susa inkohlakalo yonke, usamkelise okulungileyo; sasiya kuhlaula ngamatole emilomo yetu. 3I‐Asiriya ayiyi kusisindisa; asiyi kukwela emahasheni; kanjalo asiyi kubuya siti emsebenzini wezandla zetu: Ningotixo betu: ngokuba kuwe inkedama ifumana ububele.
4Ndopilisa upambuko lwabo; ndobatanda ngokuvuma; ngokuba ingqumbo yam ibuyile kuye. 5Ndoba njengombete ku‐Sirayeli: uya kutyatyamba njengenyibiba, azendelise ingcambo zake njenge‐Lebanone. 6Amahlumelo ake otwabululeka, ubuhle bake boba njengomnquma, woba nevumba njenge‐Lebanone. 7Baya kubuya abo bahleliyo emtunzini wake; bohluma njengenqolowa, batyatyambe njengomti weveyine: isikumbuzo sake soba njengeveyine yase‐Lebanone. 8Woti u‐Frayime: Ziseyinto nina kum izitixo? ndivile mna, ndandiya kumgqala: ndinjengomti weberoshe oluhlaza: siyazuzwa kum isiqa̔mo sako.
9Ngubanina onobulumko, ukuba aziqonde ezizinto? ngubanina onobutelekelelo, ukuba azazi? ngokuba indlela zikayehova zifanele; abalungileyo bohamba kuzo, kodwa abagqiti baya kuku̔beka kuzo.
Currently Selected:
U‐Hosheha 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapistaging.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.