U‐Yisaya 21
21
1UMGWEBO ngentlango yaselwandle.
Njengokuti tshe kwezaqwiti esuyide, kunjalo ukuvela kwabo entlango, ezweni eloyikekileyo. 2Umboniso onzima waxelwa kum: umtimbi etimba, nomcitakalisi ecitakalisa. Nyuka, Helami! vingcela, Medi! konke ukugula ngayo ndikupelisile. 3Ngako oko isinqe sam sizele yintlungu: inimba zindibambile, njengenimba zomfazi ozalayo: ndigotyiwe, ndide ndingeva: nditusiwe, ndide ndingaboni. 4Intliziyo yam iyayoba, ingcangcazelo indoyikisile; ubusuku besilangazelelo sam bundenzelwe obesituso.
5Kulungiswa isitebe, kulindwa ngabalindi, kutyiwa, kuselwa: sukani, zinkosana! tambisani ikaka. 6Ngokuba inkosi itshilo kum ukuti: Hamba, misa umlindi; into ayibonayo makayixele. 7Waza wabona abakweli, namahashe ngamabini, abakweli bamaqwaṙashe, nabakweli benkamela; wapulapula kunene ngokupulapula okukulu. 8Wayedanduluka njengengonyama, esiti: Ndema pezu kwendlu yokulinda, nkosi yam! futi emini; napezu kwendawo yam yokuvaṙasha ndandimiswa bonke ubusuku. 9Kekaloku bona ke, naba besiza abakwell bengamadoda, namahashe ngamabini. Wahambisa wati: i‐Babilone iwile, iwile! nayo yonke imifanekiso eqingqiweyo yotixo bayo uyiqekezele emhlabeni.
10Hai ukubula kwam, nenkozo zesibaya sam! oko ndikuvileyo kuyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ndikushumayele kuni.
11UMGWEBO nge‐Duma.
Kwabizwa kum ngelizwi livela e‐Sehire, lisiti: Mlindi! uti nina ngobusuku? Mlindi! uti nina ngobusuku? 12Wati umlindi: Ukusa kuyeza, kwa nobusuku kanjalo; ukuba niya kubuza, buzani; guqukani, yizani.
13UMGWEBO pezu kwe‐Arabi.
Ehlatini lase‐Arabi niya kulalisa, nina bahambi bama‐Dedane! 14yizani namanzi konxaniweyo: nina bemi belizwe lakwa‐Tema! mpangeleni ngesonka sake osabileyo. 15Ngokuba besabile pambi kweziṙele, pambi kwesiṙele esir̔oliweyo, napambi kwesipeta esityediweyo, napambi kwobunzima bemfazwe. 16Ngokuba inkosi itshilo kum ukuti: Kwa ungekapeli umnyaka, njengeminyaka yomqashwa, bonke ubungcwalisa bakwa‐Kedare bogqityelwa. 17Nesisalela senani labapete isipeta, amagoṙa onyana baka‐Kedare aya kuncitshiswa; ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, etshilo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: