U‐Yisaya 22
22
1UMGWEBO ngesihlambo somboniso. Unanto nina kaloku, ukuba bonke abako benyukele pezu kwezindlu? 2Wena obuzele zizipitipiti, isixeko esixokozelayo, inqili egcobayo! ababuleweyo bako ababulawanga ngesiṙele, ababubanga ekulweni kanjako. 3Bonke abapati bako besabile kunye; babanjiwe ngabapete isipeta; bonke abafunyanwa kuwe babanjiwe kunye, kwa abo babaleka kude. 4Ngako oko ndite: Jikani kum; ndokwenza ṙaṙa ukilila kwam, ninganxameli ukunditutuzela, pezu kwokubandezelwa kwentombi yabantu bam. 5Ngokuba ngumhla wempitizelo, nowokunyatela, nowokuxakeka, uvela enkosini, kuyehova wemikosi, esihlanjeni somboniso; owokuwisa udonga, nowokukalela entabeni. 6Ama‐Helami atwele umpongolo, enenqwelo zinamadoda, nabakweli bamahashe; ati ama‐Kire ahlube ikaka. 7Kwakuya kuti, imihlambo yako edlulisileyo iya kuzala zinqwelo, nabakweli bamahashe bozimisa ngasesangweni. 8Kutyiliwe isigubungelo se‐Juda; ude wakangela ngalomhla kwizixo̔bo zendlu yehlati. 9Nentanda zesixeko sika‐Davide nizibonile, ukuba zininzi; nanihlanganisa amanzi ecibi lasezantsi. 10Nezindlu zase‐Yerusaleme nizibalile; nazicita izindlu ukunqabisa udonga. 11Nenza nesigingqi pakati kwazo indonga zombini, nisenzela amanzi ecibi elidala. Kodwa anikangelanga kulowo okwenzile oku, nokuqingileyo kwa kade animgqalanga. 12Inkosi, uyehova wemikosi, ngomhla lowo, ibizele ukulila, nesijwili, nobunqai, nokubinqwa ngentlakantlaka: 13kanti nanku ukugcoba nokuvuya, ukubinga inkabi nokuxe̔la igusha, ukutya inyama nokusela iveyine, kusitwa: Masitye sisele, ngomso sibuba nje! 14Koko kutyilelwe ezindlebeni zam nguyehova wemikosi, ukuti: Ngenyaniso aniyi kuxolelwa lenkohlakalo nide nife! itsho inkosi, uyehova wemikosi.
15Itsho inkosi, uyehova wemikosi, ukuti: Hamba, uye kwigosa eli, ku‐Shibena opezu kwendlu, uti: 16Unanto nina apa? unobanina apa kanjalo, ukuba uzimbele apa incw̔aba, njengozimbela pezulu incw̔aba lake, ozisikela eweni indawo yokuhlala? 17Bona ke! uyehova wokuwisa pantsi kanye, ṙotindini! wokusonga ngokuqinileyo. 18Wokuqengqelela kakulu, akuqengqele ezweni elibanzi njengembumbulo: apo uya kububa, nalapo kwobako inqwelo zako ezintle, wena lihlazo kwindlu yenkosi yako! 19Ndandiya kukugxota ebumeni bako, nasentlalweni yako uya kukuwisa. 20Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kubiza isicaka sam, u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya; 21endiya kumvatisa ingubo yako, ndimbinqise umbinqo wako; nobupati bako ndobunika esandleni sake, waeya kuba nguyise kwabemi base‐Yerusaleme, nakwindlu ka‐Juda. 22Ndiya kubeka isitshixo sendlu ka‐Davide pezu kwegxalaba lake; uya kuvula, kungabiko mntu oya kuvala; uya kuvala, kungabiko mntu oya kuvula. 23Ndiya kumbetela njengesikonkwane endaweni eqinileyo, waeya kuba yiterone yobungcwalisa kwindlu kayise. 24Baya kuxo̔ma pezu kwake bonke ubungcwalisa bendlu kayise, abantwana nabazukulwana; nazo zonke impahla ezincinane, kwa kuzo impahla zezitya kude kube zimpahla zonke zemipanda. 25Ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, sosuswa isikonkwane esibetelweyo endaweni eqinileyo; siya kugaulwa, siwe ke; nomtwalo opezu kwaso wona wonqanyulwa: ngokuba uyehova etshilo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 22: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: