U‐Yisaya 29

29
1KWOBA nzima kwi‐Ariyeli, kwi‐Ariyeli, kwisixeko u‐Davide ubehleli kuso! Yongezani umnyaka pezu kwomnyaka; imitendeleko mayizunguleze. 2Noko ndoyixinezela i‐Ariyeli, kwakuya kubako ukulila nosizi; yoba yi‐Ariyeli kum okunene. 3Ndokuṙaula ngento engqongayo; ndokuvingcela ngelali, ndizimise inqaba ngakuwe. 4Uya kutotyelwa pantsi, uya kuteta usemhlabeni, kwoba kutobekile ukuteta kwako kuselutulini; ewe, ilizwi lako loba njengelowenzelana nomshologu livela emhlabeni, nokuteta kwako kwosebeza kuvela elutulini.
5Kodwa isihlwele sentshaba zako soba njengotuli olucolekileyo, nesihlwele sezidlwengu njengomququ opepukayo; kwoza kubako ngebaqo, kamsinyane. 6Uya kubetwa nguyehova wemikosi, ngodudumo, nangesingcangcazelo somhlaba, nentlokoma enkulu; ngesaqwiti noqwitela, nelangatye lomlilo odlayo. 7Njengepupa, njengomboniso wasebusuku, soba njalo isihlwele sazo zonke izizwe ezilweyo ngakuyo i‐Ariyeli; kwa zonke ezilwayo ngakuyo nangakuzo indawo zayo ezinqatyisiweyo, nabo bayixinezelayo. 8Kwoba njengokuya onokulamba apupayo, kekaloku nanku esidla; kodwa akuvuka, umxe̔lo wake uzé: umhlaumbi njengokuya onxaniweyo apupayo, kekaloku nanku esela; kodwa akuvuka, nanku ecubukile, nomxe̔lo wake usakanuka. Soba njalo isihlwele sazo zonke izizwe ezilwayo ngasentabeni ye‐Ziyone.
9Zilazilani, niti nqa; ziyoliseni, nimfamekiswe: banxilile, koko kungengayo iveyine; bayagexa, koko kungengabo utyalwa. 10Ngokuba uyehova etulule pezu kwenu umoya wokwozela, wati vingci amehlo enu, abaprofite; nabazintloko zenu, ababoni, ubagubungele. 11Umboniso wonke uba njengamazwi encwadi encanyatiselweyo kuni, eka inikwe kowaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Ndikohliwe; ngokuba incanyatiselwe. 12Umhlaumbi incwadi iyanikwa kulowo ongakwaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Andikwazi ukuba̔la. 13Ngako iti inkosi: Ngenxa yokuba ababantu bayasondela ngomlomo wabo, bandidumise ngenteto yabo, kanti intliziyo yabo bayikwelelisile kude kum, nokundoyika kwabo kufundisiwe ngomyalelo wabantu: 14ngoko, bona ke, ndopinda ukwenza ngokungummangaliso pakati kwababantu, ngokumangalisa nangokuti nqa; ngokuba ubulumko bamalumko abo buya kububa, nengqondo yezazi zabo iya kufihleka.
15Kwoba nzima kubo abangongxayo ukufihla iqinga labo kuyehova, abazenzo zisebumnyameni, abatshoyo ukuti: Ngubanina osibonayo? nokuti: Ngubanina osaziyo? 16Hai ubugwenxa benu! Kanene umbumbi uya kubalwa njengodongwe na? into eyenziweyo iya kutsho na ngomenzi wayo ukuti: Akandenzanga? nento edaliweyo iya kutsho na ngomdali wayo ukuti: Akanakuqonda?
17Asi lilo ixeshana elisencinane na, ide i‐Lebanone iguqulwe ibe yintsimi ecu̔mileyo, iti intsimi ecu̔mileyo ibalwe ngokuba lihlati? 18Ngalomhla izitulu ziya kuva amazwi encwadi, ati amehlo emfama, ekululwe ekusiteni nasebumnyameni, abone. 19Abalulamileyo baya kwandisa uvuyo kuyehova; namahlwempu pakati kwabantu aya kugcoba koyingcwele ka‐Sirayeli. 20Ngokuba isidlwengu sipelile; umgxeki ugqityiwe; nabo bonke abalindi benkohlakalo banqanyulwe: 21abanika umntu ityala ngelizwi, batiyela lowo owohlwayayo esangweni, bamshenxisa olungileyo kungeko nto.
22Ngoko, utsho uyehova kwindlu ka‐Yakobi, lowo owamkululayo u‐Abrahame, ukuti: u‐Yakobi kaloku akayi kudana, nobuso bake kaloku abuyi kuba mhlope. 23Koko akubona abantwana bake, umsebenzi wezandla zam, pakati kwabo, bolenza ngcwele igama lam; baya kumenza ngcwele oyingcwele ka‐Yakobi, notixo ka‐Sirayeli baya kumoyika. 24Abo balahlekileyo ngomoya baya kukwazi ukuqonda, nabo beyayo baya kufunda imfundo.

Currently Selected:

U‐Yisaya 29: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena