U‐Yisaya 34
34
1SONDELANI, nina zizwe! nize nive; nina zintlanga! pulapulani: mauve umhlaba, nokuzala kwawo; ilizwe, nako konke ukuvelisa kwalo. 2Ngokuba umsindo kayehova upezu kwazo zonke izizwe, nobuṙalaṙume bake pezu kwayo yonke imikosi yazo: uzilahlele ekutshatyalalisweni; uzinikele ekubulaweni. 3Abahlatyiweyo bazo baya kulahlwa, nezidumbu zabo kuya kunyuka ukunuka kwazo; ziti intaba zinyibilike ngegazi labo. 4Wonke umkosi wezulu wonyibilikiswa, namazulu aya kusongwa njengencwadi; ewe, wonke umkosi wawo wovutuluka, njengokuvutuluka kwegqabi emtini weveyine, nanjengokwelishwabeneyo emkiwaneni. 5Ngokuba isiṙele sam siya kunxiliswa emazulwini; bona ke, pezu kwe‐Edome siya kuhla, napezu kwabantu bokulahlela kwam ekutshatyalalisweni, kuze kugwetywe. 6Isiṙele sikayehova sizele ligazi; lityetyisiwe ngenqata; ngegazi lemvana nelebokwe, ngenqata lezintso zenkunzi zegusha: ngokuba uyehova enombingo e‐Botsera, noxe̔lo olukulu ezweni le‐Edome. 7Kwakuya kuhla inyati kunye nazo, nenkabi kunye nenkunzi; ilizwe lazo lonyelwa ngegazi, notuli lwazo luya kutyetyiswa ngenqata. 8Ngokuba ngumhla wempindezelo kayehova, umnyaka wokubuyekeza, ekupikeni kwe‐Ziyone. 9Imilanjana yayo yoguqulwa ibe litywina, notuli lwayo lube yisufure; ewe, ilizwe layo loba litywina elivutayo. 10Aliyi kucinywa nasebusuku nasemini; umsi walo uya kunyuka kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana loba bugxwayiba; kude kube ngunapakade kanapakade akuko mntu oya kucanda kulo. 11Incwangube nencanda zolifuya; isikova nonomyai baya kuma kulo; ngokuba eya kwolula pezu kwalo intambo yocitakalo, namatye obuzé. 12Imiduna yalo, akuko namnye kona abangawubizayo ebukumkanini; inkosana zalo aziseko nanye. 13Ameva aya kupuma ezingxandeni zalo, amaṙau namakakakaka ezinqatyeni zalo; loba likaya lencu̔ka, nendawo yokuhlala yenciniba. 14Amaṙamncwa asentlango aya kuhlangana nempungutye; imbuzi elixonti yobiza kumlingane wayo; isihuluhulu naso siya kuhlala kona ngokwonwaba, sizifumanele indawo yokupumla. 15Kona apo inyoka ejubayo iya kuyenza indlu yayo, izale amaqanda, iwaqandulele, ifukamele ngesitunzi sayo; nakona apo amaxalangakazi ohlanganisana, elinye ngelinye linomlingane walo. 16Funani encwadini kayehova, nileseshe: ayiyi kuba ingeko nanye kwezi; ayiyi kuswela umlingane wayo nanye imazi: ngokuba umlomo wam wona uyalele, nomoya wake yena uzihlanganisile. 17Kanjalo yena uzenzele iqashiso, nesandla sake sizabele lona ngentambo; zolifuya kude kube ngunapakade; kwisizukulwana ngesizukulwana ziya kuhlala kulo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 34: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.