U‐Yisaya 40
40
1TUTUZELANI, tutuzelani abantu bam, utsho utixo wenu. 2Tetani kamnandi kwi‐Yerusaleme, nishumayele kuyo, ukuba ukulwa kwayo kuzalisekile, ukuba inkohlakalo yayo ihlaulelwe; ukuba yamkele esandleni sikayehova ngokupindiweyo ngenxa yazo zonke izono zayo.
3Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzelani utixo wetu umendo olungeleleneyo elubala. 4Zonke izihlambo ziya kupakanyiswa, nazo zonke intaba nenduli ziya kutotyelwa pantsi; okuligoso kwotiwa ntse, nendawo ezibugongxo zoba butafa: 5kwakuya kutyilwa ubungcwalisa bukayehova; luti uluntu lwonke lububone kwa kunye: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
6Ilizwi lati: Danduluka! Wayesiti: Ndiya kudanduluka nto nina? Lwonke uluntu luyinca, nabo bonke ubuhle balo bunjengembali yasendle; 7inca iyoma, imbali iyabuna, ngokuba umoya kayehova uvutela pezu kwayo; ngenyaniso abantu bayinca. 8Inca iyoma, imbali iyabuna; kanti ilizwi lotixo wetu liya kuma kude kube ngunapakade.
9Nyukela entabeni ende, wena ushumayeza i‐Ziyone indaba ezilungileyo! pakamisa ngamandla ilizwi lako, wena ushumayeza i‐Yerusaleme indaba ezilungileyo! lipakamise, ungoyiki; yiti kwizixeko zakwa‐Juda: Nanku utixo wenu! 10Bona ke, inkosi e nguyehova iya kuza inamandla, nengalo yayo yoyipatela ubukosi; bona ke, umvuzo wayo unayo, nenzuzo yayo isebusweni bayo. 11Iya kwalusa umhlambi wayo njengomalusi; imvana iya kuzibuta ezingalweni zayo, izitwale esifubeni sayo; igushakazi ezanyisayo yozitundeza.
12NGUBANINA olinganisileyo amanzi esigingqini sesandla sake; owenzele amazulu umlinganiso ngesoluko seminwe; obambileyo utuli lwomhlaba esilinganisweni; ozifakileyo intaba ezintweni zokulungelelanisa, nenduli ezintweni zokulinganisa? 13Ngubanina owalatisileyo umoya kayehova; ote umhlaumbi, engumcebisi wake, wamazisa? 14Ucebisene nobanina, ukuba amqondise, amfundise endleleni yobugwebo; umhlaumbi amfundise ukwazi, amazise indlela yokuqonda? 15Bona ke, izizwe zinjengetontsi lasempandeni; zibalwa ngokuba njengotulana lwento yokulinganisa: bona ke, iziqiti uyazifunqula njengentwana encinanana. 16I‐Lebanone ayanele ukwenza umlilo, nezilo zayo azanele idini lokutshiswa. 17Zonke izizwe zinjengokungento pambi kwake; ziyabalwa nguye ngokuba zincinane kokungento nokungendawo.
18Niya kufanisa utixo nobanina ke? kanjako yiyipina imfano eniya kuyilinganisa naye? 19Uti umsebenzi awutyityishe umfanekiso, nencibi iwaleke ngegolide: nemixokolelwane yesilivere incibi iyayenza. 20Olihlwempu kangaka ukuba akanamnikelo, uyanyula umti ongenakubola: uyazifunela umsebenzi olumkileyo, ukuze kumiswe umfanekiso ongayi kushukunyiswa.
21Anazanga na? anivanga na? anixelelwanga na kwa sekuqaleni? aniqondanga na kwa sekusekweni kwomhlaba? 22Nguye ohleliyo pezu kwesazinge somhlaba, obemi bawo banjengemicikwane; nguye owolulayo amazulu njengeqiya eshiceneyo, awatwabulule njengentente yokuhlala; 23ozenza inkosana zibe yinto engeluto; abagwebi bomhlaba uyabenza njengokungendawo. 24Cebetshu batyaliwe; cebetshu bahlwayelwe; cebetshu isipunzi sabo sendele emhlabeni; kwandule ukuti, ukuba uka avutele pezu kwabo, babune, luti uqwitela lumke nabo njengomququ. 25Niya kundifanisa nobanina ke, endiya kufana naye? utsho oyingcwele. 26Pakamisani ngapezulu amehlo enu, nibone, ngubanina ozidalileyo ezizinto; ovelisayo umkosi wazo ngenani; zonke ke uyazibiza ngegama; ngobuninzi bamandla ake, nobomelelo bake obukulu; akuko nanye engeko.
27Kunganina ukuba utsho, Yakobi! nokuba utete, Sirayeli! ukuti: Indlela yam ifihlelwe uyehova; nokuti: Ugwetyelwa lwam lugqitile kutixo wam. 28Akwazanga na? akuvanga na? utixo ongunapakade nguyehova, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa. 29Ocubukileyo uyamnika amandla; nababutataka uyabandisela ubomelelo. 30Abafana bocubuka badinwe, namadodana agqibele ukuwa; 31kanti abo bakangela kuyehova bohlaziya amandla; baya kunyuka ngamapiko njengenkozi; bobaleka, bangadinwa; bohamba, bangacubuki.
Currently Selected:
U‐Yisaya 40: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: