U‐Yisaya 43
43
1Kodwa kaloku, utsho uyehova owakwenzayo, Yakobi! nalowo owakudalayo, Sirayeli! ukuti: Ungoyiki, ngokuba ndikukulule; ndikubizile ngegama; wena ungowam. 2Nxa udlulayo pakati kwamanzi, ndoba nawe mna; napakati kwemilambo, ayiyi kukukukulisa: nxa uhambayo emlilweni, akuyi kuṙauka; kanjako ilangatye aliyi kukutshisa. 3Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wako, oyingcwele ka‐Sirayeli, umsindisi wako; ndinikile i‐Jipete ibe sisizi sako, i‐Tiyopiya ne‐Seba esikundleni sako. 4Ngenxa yokuba ubunqabile emehlweni am, ubunokubekwa, nam ndikutandile; ngako ndinikile abantu esikundleni sako, nentlanga esikundleni sobomi bako. 5Ungoyiki, ngokuba ndinawe mna; ndovelisa inzalo yako empumalanga, ndikubute nasentshonalanga. 6Ndoti kuyo inode: Ku̔pa; nakuyo isuyide: Ungatinti; velisa onyana bam kwa kude, nentombi zam ekupeleni kwomhlaba; 7bonke ababizwayo ngegama lam, endibadalele ubungcwalisa bam, endibayilileyo, ewe, endibenzileyo.
8Pumisa abantu abazimfama, abanamehlo; nabazitulu, abanendlebe. 9Zonke izizwe mazibutelwe ndawonye; mazihlanganiswe intlanga. Ngubanina pakati kwazo ongaxelayo oku, umhlaumbi ongasivisayo izinto zapambili? mabaku̔pe amanqi̔na abo, ukuba bagwetyelwe; kuze kuviwe, kutiwe: Kuyinyaniso. 10Nina ningamanqi̔na am, utsho uyehova, nesicaka sam, endisiqashileyo; ukuze nikwazi, nikolwe kum, niqonde ukuba ndinguye: ngapambi kwam bekungadalwa namnye utixo, nasemva kwam akuyi kubako namnye. 11Mna, mna ndi nguyehova; akuko namnye umsindisi ngapandle kwam. 12Ndixelile, ndisindisile, ndivakalisile, nxa bekungabiko pakati kwenu utixo wasemzini; ngako nina ningamanqi̔na am, utsho uyehova, ukuba ndi ngutixo. 13Kwa ungekabiko umhla, ndinguye; akuko ongahlangulayo esandleni sam; ndiya kusebenza, ngubanina ke oya kukunqanda?
14Utsho uyehova, umkululi wenu, oyingcwele ka‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yenu nditumile e‐Babilone, ndawisa zonke izibonda zayo, nama‐Kaledine ezinqanaweni zokugcoba kwawo. 15Mna ndi nguyehova, oyingcwele wenu, umdali wo‐Sirayeli, ukumkani wenu. 16Utsho ukuti uyehova, owenzayo indlela pakati kwolwandle, nomzila pakati kwamanzi anamandla; 17owaku̔pa inqwelo namahashe, umkosi nabanamandla; — balala pantsi ndawonye; ababuya besuke; babecinyiwe, bafa njengomsonto wesibane: 18Ningakumbuli izinto zapambili; nezinto zakudala ningazigqali. 19Bona ke, ndiya kwenza into entsha; kakaloku iya kuhluma; aniyi kuyazi na? Ndoka ndenze indlela entlango, nemilambo ebugxwayibeni. 20Izilo zasendle zondibeka, incu̔ka nenciniba; ngokuba ndiya kunika amanzi entlango, nemilambo ebugxwayibeni, kusezwe abantu bam, abaqashwa bam. 21Ababantu ndibadalele mna; udunyiswa lwam bolubalisa.
22Kodwa akubizanga kum, Yakobi! koko udiniwe ndim, Sirayeli! 23Akuzisanga kum inkomo ezincinane zamadini okutshiswa ako, nemibingo yako akundibekanga ngayo; andikucubukisanga ngeminikelo, andikudinisanga ngesiqu̔miso kanjako. 24Akunditengelanga ikalame emnandi ngemali, nenqata lemibingo yako akundihlutisanga ngalo; koko undicubukisile ngezono zako; undidinisile ngenkohlakalo zako. 25Mna, mna ndinguye, ocimayo izigqito zako ngenxa yokwam; nezono zako andiyi kuzikumbula. 26Ndikumbuze; masipikisane kunye; teta wena, uze ugwetyelwe. 27Uyihlo wako omkulu wonile, nabacazeli bako bagqitile ngakum. 28Ngako ndibanco̔lisile abapati beyingcwele indawo; ndimnikile u‐Yakobi esiqalekisweni, no‐Sirayeli ezigxekweni.
Currently Selected:
U‐Yisaya 43: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: