U‐Yisaya 42
42
1KANGELA isicaka sam, endisixasayo; umqashwa wam, oti umpefumlo wam ukoliswe nguye; ndibekile umoya wam pezu kwake; isigwebo uya kusipumisela kubaheyideni. 2Akayi kukala, akayi kudanduluka kanjako; nelizwi lake akayi kulivakalisa esitarateni. 3Ingcongolo etyumzekileyo akayi kuyapula; nomsonto wesibane ovutayo ngozizi akayi kuwucima; wopumisa isigwebo ngenyaniso. 4Akayi kuncama, akayi kwapuka kanjalo, ade amise isigwebo emhlabeni: nomteto wake iziqiti zowulinda. 5Utsho utixo onguyehova, owadala amazulu, wawolula; owatwabulula umhlaba, nemveliso zawo; owanika umpefumlo ebantwini abapezu kwawo, nomoya kubo abahambayo kuwo, ukuti: 6Mna Yehova ndikubizile ngenxa yobulungisa; ndandiya kubamba isandla sako, ndikugcine, ndikunike ube lucebano ebantwini, ube sisikanyiso kubaheyideni; 7kuze kuvulwe amehlo abumfama, kukutshwe ababanjwa entolongweni, nabahleli ebumnyameni endlwini yokuvalela.
8Mna ndi nguyehova; leli igama lam: ubungcwalisa bam andiyi kubunika kuwumbi, nodumo lwam kwimifanekiso eqingqiweyo. 9Izinto zapambili, bona ke, zize kubako; nezinto ezintsha ndiyazixela: zingekahlumi ndiyanivisa zona.
10Vumani kuyehova iculo elitsha, udunyiswa lwake kwa sekupeleni kwomhlaba, nina nihlele elwandle, nokuzala kwalo, nina ziqiti, nabemi bazo! 11Intlango nezixeko zayo mazipakamise ilizwi, imizi ahleli kuyo ama‐Kedare; mabacule abemi base‐Sela, bamemeze kwa sengcopo yentaba. 12Mabanike ubungcwalisa kuyehova, nodumo lwake mabaluxele eziqitini.
13 Uyehova uya kupuma njengeṙoti; njengendoda yokulwa uya kuvusa ubukwele; uya kudanduluka, ewe, wohlaba umkosi; uya kwenza ngobuṙoti ngakuzo intshaba zake. 14Kukade ndihleli nditi tu; ndite cwaka; ndizinyanzele: njengomfazi ozalayo ndiya kukala; ndopefumla ndibefule kwa kunye. 15Ndiya kucitakalisa intaba nenduli, nayo yonke imifuno yazo ndiya kuyomisa; ndoyenza imilambo ibe ziziqiti, namacibi ndowomisa. 16Ndandiya kuhambisa imfama ngomendo ezingawazanga; ngendlela ezingazazanga ndozikokela: ndiya kubenza ubumnyama bube kukukanya pambi kwazo, namalinda abe litafa: ezizinto ndiya kuzenzela zona, ndandingayi kuzishiya. 17Bonqandwa ngomva, bodaniswa kakulu, abo batembela kuyo imifanekiso eqingqiweyo, abati kuyo imifanekiso etyityishiweyo: Nina ningotixo betu.
18YIVANI, nina zitulu! nani zimfama! kangelani, ukuba nibone. 19Ngubanina oyimfama, kupela sisicaka sam; umhlaumbi osisitulu, njengesitunywa sam endisitumayo? ngubanina oyimfama njengaye ofezekileyo? ngubanina oyimfama njengesicaka sikayehova? 20Uyabona izinto ezininzi ke, kanti akuzigqali; evula indlebe nje, akeva noko. 21Uyehova unovuyo ngenxa yobulungisa baso; siya kuwenza mkulu umteto, siwuzukise.
22Kodwa aba bangabantu abapangiweyo nabatinjiweyo; batiyelwe ezihogweni bona bonke, nasezindlwini zokuvalela bafihliwe; bayinto yokupangwa, kanti akuko ohlangulayo; bayinto yokutinjwa, kanti akuko otshoyo: Buyisa. 23Ngubanina pakati kwenu oya kubekela oku indlebe? ngubanina oya kupulapula, eve, ngexesha elizayo? 24Ngubanina owanikela u‐Yakobi ekuntinjweni, no‐Sirayeli kubapangi? Ebengenguye uyehova na; lowo esonileyo ngakuye, ondlela zake bebengavumi ukuhamba kuzo, nomteto wake bebengawuva? 25Ngako utulule pezu kwake ubushushu bengqumbo yake, namandla emfazwe; impembele umlilo ngento engqongayo, kanti ebengazi; yamtshisa, kanti ebengabekeli oko intliziyo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 42: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: