U‐Yisaya 44
44
1Kodwa kaloku, yiva, Yakobi! isicaka sam; no‐Sirayeli! endimqashileyo. 2Utsho uyehova, umenzi wako, owakudalayo kwa sesizalweni, okuncedayo, ukuti: Ungoyiki, sicaka sam, Yakobi! nawe, Yeshurune! endimqashileyo. 3Ngokuba ndiya kugalela amanzi pezu kwonxaniweyo, nezelo pezu kwowomileyo umhlaba; ndogalela umoya wam pezu kwenzalo yako, netamsanqeliso lam pezu kwabantwana bako: 4abaya kuhluma njengapakati kwenca, njengeminculuba ngasemilanjeni yamanzi. 5Omnye woti: Ndingo kayehova; omnye wozibiza ngegama lika‐Yakobi; omnye woba̔la esandleni sake ukuti: Ndingo kayehova; azitiye igama lika‐Sirayeli.
6Utsho uyehova, ukumkani ka‐Sirayeli, nomkululi wake, uyehova wemikosi, ukuti: Ndingowokuqala, ndingowokupela kanjalo; nangapandle kwam akuko utixo. 7Ngubanina, njengam, oya kushumayela, akuxele, akulungiselele pambi kwam, kuseloko ndibamisileyo abantu bakudala? nezinto ezizayo, nezinto eziya kubako, mabazixele kubo. 8Ningoyiki, ningabi nakwetuka kanjalo; andikuvisanga kwa kudala na, ndaxela ke? Ngako nina ningamanqi̔na am. Kuko utixo ngapandle kwam na? okunene akuko ilityekazi limbi; andilazi nalinye.
9Abadalayo umfanekiso oqingqiweyo, bona bonke bakokungendawo; nezinto zabo ezinqwenelekileyo azincedi luto: kwa bona bangamanqi̔na abo; ababoni, abazi kanjako; ukuze badane. 10Ngubanina odalileyo into engutixo, umhlaumbi otyityishileyo umfanekiso, ongancedi luto? 11Bona ke, onke amakolwane ake aya kudana; nabasebenzi bona bavela ebantwini: mabazihlanganise bonke: mabeme: baya kwoyika badane kunye. 12Incibi yesincete iyenza izembe, isebenze emalahleni; iyaliyila ngezando, ilikande ngengalo yayo enamandla: kanjalo iyalamba, ide ingabi namandla; ayiseli amanzi, ide icubuke. 13Incibi yemiti iyolula intambo; iyapaula isimilo sawo ngesiqingqo; iyawulungisa ngentlabo; iyawupaulela isimilo ngesijikelo; iyawenza njengemfano yomntu, njengobuhle bendoda; uze uhlale endlwini. 14Iyazigaulela imiti yesedare: iyatabata umti weyiletse noweyeke, nalowo iti womelele pakati kwemiti yehlati; iyatyala umti weworene, ize imvula iwukulise. 15Yandule ibe yeyokutshisa kwomntu, otabata kuyo, azifudumeze; uti kanjalo apembe umlilo, ose isonka; ewe, uyenza utixo, atobe kuye; uyawenza umfanekiso oqingqiweyo, aqubude pambi kwawo. 16Inxenye yawo uyayitshisa emlilweni; pezu kwenxenye yawo uyatya inyama; uyoja ukwoja, ahlute nokuhluta; uyazifudumeza kanjalo, ati: He, ndifudumele, ndiwubonile umlilo. 17Nesisalela sawo uyasenza sibe ngutixo, umfanekiso oqingqiweyo wake; uyaqubuda pambi kwawo, atobe kuwo; uyatandaza kuwo kanjalo, ati: Ndikulule, ngokuba ungutixo wam wena. 18Abazanga, abaqondanga kanjako; ngokuba kusindiwe amehlo abo, ukuba akangebone, nentliziyo zabo, ukuba azingeqiqe. 19Akuko namnye okumbulayo entliziyweni yake, akuko ukwazi nokuqonda kanjako, ukuba kutiwe: Inxenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndandosile isonka pezu kwamalahle awo; ndojile inyama, ndayidla nokuyidla: kanene iliva lawo ndiya kulenza into eyintshontsho na? ndiya kuqubuda na pambi kwesipunzi somti? 20Uyadla ututu; intliziyo ekohlisiweyo impambukisile; ukuba akangehlangule umpefumlo wake, akangeti nokuti: Akuko na ubuxoki kwesokunene sam?
21KUMBULA ezizinto. Yakobi! no‐Sirayeli! ngokuba usisicaka sam wena: ndikudalile; usisicaka sam: Sirayeli! akusayi kulityalwa ndim. 22Ndizicimile njengelifu eliyingqingqwa izigqito zako, nanjengelifu izono zako: buyela kum, ngokuba ndikukulule.
23Culani, nina mazulu! ngokuba uyehova ekwenzile; dandulukani ngovuyo, nina mazantsi omhlaba! gqabukelani ekuculeni, nina zintaba! wena hlati, nayo yonke imiti ekulo! ngokuba uyehova emkulule u‐Yakobi, wazenzela ubungcwalisa kwa‐Sirayeli.
24Utsho uyehova, umkululi wako, lowo owakudalayo kwa sesizalweni, ukuti: Mna ndi nguyehova, umenzi wento zonke; ondolulayo amazulu ndedwa, ondatwabulula umhlaba ngokwam; 25otshitshisayo imiqondiso yamaxoki, nabalauli abahilizise; owabuyisa amalumko ngomva, nokwazi kwawo akumatise; 26oqinisayo ilizwi lesicaka sake, necebo lezitunywa zake alifeze; oti ngayo i‐Yerusaleme: Iya kumiwa; nangazo izixeko zase‐Juda: Ziya kwakiwa; indawo zayo ezicitakeleyo ndobuya ndizimise: 27oti enzulwini: Yiba utshile; imilambo yayo ndiya kuyomisa; 28oti ngaye u‐Koreshe: Ngumalusi wam: uya kufeza yonke intando yam; kwa esiti ngayo i‐Yerusaleme: Iya kwakiwa; nangayo itempile: Kwobekwa ukuseka kwayo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 44: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.