U‐Jona 1
1
ISAHLUKO I.
1ILIZWI likayehova leza ku‐Jona, unyana ka‐Amitai, lisiti: 2Suka, uye e‐Nineve, esosixeko sikulu, ushumayele ngakuso; ngokuba inkohlakalo yabo inyukele pambi kwam. 3Kodwa u‐Jona wesuka ukuba asabele e‐Tareshishe, esaba ebusweni bukayehova; wehla waya e‐Jopa, wayifumana inqanawa isiya e‐Tareshishe, wanika umvuzo wayo, wangena kuyo, ukuba ahambe nabo ukuya e‐Tareshishe, esaba ebusweni bukayehova.
4Kodwa uyehova wahlisa pezu kwolwandle umoya omkulu, kwaza kwabako uqwitela olukulu elwandle, yada inqanawa yanga iya kwapuka. 5Bandula boyika omatrose, bakala abanye ngabanye kotixo babo, baziposa impahla ezisenqanaweni elwandle, ukuba yenziwe lula ngazo; kodwa u‐Jona ebehlele emacaleni enqanawa, walala ubutongo obukulu.
6Yaza yasondela kuye inkosi yenqanawa, yati kuye: Yinina, ulele butongo nje? Suka, ubize kutixo wako, kungati uya kusikumbulela utixo lowo, ukuba singabubi.
7Baye besiti omnye kwomnye: Yizani, masenze amaqashiso, ukuze sikwazi kungenxa yobanina elilishwa lipezu kwetu. Bandula bawenza amaqashiso, lati iqashiso lawa pezu kwake u‐Jona. 8Baza bati kuye: Zusixelele ke kungenxa yobanina elilishwa lipezu kwetu? Yinto nina umsebenzi wako? Uvela pina? Ilizwe lako lelinina? Ungowasebantwini bapina? 9Wayesiti kubo: Ndingum‐Hebere mna; ndiyamoyika uyehova, utixo wezulu, owadala ulwandle nomhlaba owomileyo. 10Aza oyika amadoda lawo ngokwoyika okukulu, ati kuye: Yinina lento uyenzileyo? Ngokuba ebesazi amadoda lawo ukuba uyesaba ebusweni bukayehova, ngokuba ebewaxelele. 11Alekela ukuti kuye: Sesiya kwenza nto nina kuwe, luze ulwandle lusizolele? ngokuba ulwandle belumana lusilwa ngakumbi. 12Wayesiti kuwo: Ndifunquleni, nindiposele elwandle; luya kwandula ulwandle lunizolele; ngokuba ndisazi kungenxa yam oluqwitela lukulu lupezu kwenu.
13Aza amadoda lawo aqu̔ba kakulu ukuba abuyisele emhlabeni inqanawa; akohlwa noko, ngokuba ulwandle belumana lusilwa ngakumbi ngakuwo. 14Ngako abiza kuyehova, ati: Uz’ uti ke, Yehova! masingabubi ke ngenxa yobomi balendoda, zungabeki pezu kwetu igazi elingenatyala: ngokuba wena, Yehova! wenzile njengoko ukutandileyo. 15Asuka amfunqula u‐Jona, amposela elwandle, lwand’ ukunqumama ulwandle ekujaleni kwawo. 16Aza amadoda lawo amoyika uyehova ngokwoyika okukulu, ambingela uyehova umbingo, azenza izibambiso.
17Kekaloku uyehova ebemisele intlanzi enkulu ukuba imginye u‐Jona. Wabentsuku ntatu u‐Jona esiswini sentlanzi leyo.
Currently Selected:
U‐Jona 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: