Ivangeli ka‐Maraki 10
10
1KEKALOKU esukile apo, weza emideni yase‐Judeya, ngecala elingapesheya kwe‐Yoredane: zati izihlwele zabutela kuye kanjako; waza wazifundisa kanjako, njengokuba ebeqelile ukwenje njalo.
2Kweza kuye nabafarisi, bambuza ukuba kufanelekile endodeni na ukulahla umfazi, bemlinga. 3Wapendula wati kubo: Ubeniyalele nto nina u‐Mosesi? 4Bati ke: u‐Mosesi ubevumela ukuba kuba̔lwe incwadi yokwahlukanisa, nokuba kulahlwe. 5Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu waniba̔lela lomyalelo; 6kodwa kwa sekuqaleni kwokudalwa, utixo wabenza indoda nomfazi. 7Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, 8baze abo babini babe yinyama nye. Ngako oko abasebabini, bayinyama nye. 9Ngoko ke, oko utixo akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu.
10Bati endlwini ke abadisipile bake babuya bambuza ngaleyondawo. 11Waza wati kubo: Osukuba elahla umfazi wake, aze azeke omnye, uyaṙexeza ngakuye. 12Kanjalo ukuba umfazi uyalahla indoda yake, aze ende kwenye, uyaṙexeza naye.
13Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abacu̔kumise; koko abadisipile babebatetisa abo babebazisa. 14Kodwa akubona oko u‐Yesu, waqumba kakulu, wati kubo: Vumelani abantwana ukuza kum, ize ningabaleli; ngokuba ubukumkani bukatixo bubobabanjalo. 15Ngokwenene nditi kuni: Osukuba engamkeli ubukumkani bukatixo njengomntwana, akasayi kuza angene kubo. 16Waza wabasingata ngengalo, wabeka izandla pezu kwabo, wabatamsanqelisa.
17Kekaloku akupumela endleleni, kweza umntu otile ngokubaleka, waguqa pantsi kuye, wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kwenza nto nina ukuze ndidle ilifa lobomi obungunapakade? 18Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo. 19Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kulumkisa; beka uyihlo nonyoko. 20Wapendula wati kuye: Mfundisi! ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam. 21Waza u‐Yesu emkangele wamtanda, wati kuye: Inye into uyisweleyo: hamba, uye utengise ngako konke onako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, yipate ikuruse, ulandele mna. 22Kodwa wati kunubembe ngelozwi, wemka elusizi; ngokuba ebe enazo imfuyo ezininzi.
23Waza wasingasinga u‐Yesu, wati kubadisipile bake: Kungento enqabileyo kangakananina ukuba abo banobutyebi baya kungena ebukumkanini bukatixo! 24Bati kekaloku abadisipile batela nqa amazwi ake. Kodwa u‐Yesu wabuya wapendula, wati kubo: Lusapo! kunqabile kangakananina ukuba abo batembela ebutyebini bangene ebukumkanini bukatixo! 25Kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo. 26Babemangaliswa ngakumbi ke, besiti pakati kwabo: Ngubanina kanti ongasindiswayo? 27Koko u‐Yesu ebakangele wati: Ebantwini akwenzeki oku, kodwa akukokungenzekiyo kutixo; ngokuba zonke izinto zisenzeka kutixo.
28Waza waqala u‐Petrosi ukuti kuye: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena. 29Wapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mntu oshiyileyo indlu, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi odade, umhlaumbi uyise, umhlaumbi unina, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, umhlaumbi amasimi, ngenxa yam nangenxa yevangeli, 30ongayi kuti kaloku nje kwelixesha amkele ngekulu, izindlu, nabaninawe, nodade, nonina, nabantwana, namasimi, kunye nazo intshutshiso, nakwelolizwe lizayo obomi obungunapakade. 31Kodwa baninzi abangabokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabangabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
32KEKALOKU bebesendleleni benyukela e‐Yerusaleme: waye u‐Yesu ebehamba pambili kubo; baza bati nqa, bati belandela boyika. Wabuya watabatela kuye abalishumi linababini, waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, 33esiti: Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubaperisite abakulu nakubaba̔li, abaya kumgweba ukuba afe, bamnikele kubaheyideni; 34babeya kumhleka, bambete, bamtshicele, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke.
35Baza basondela kuye u‐Yakobi no‐Johane onyana baka‐Zebedi, besiti: Mfundisi! singa ungasenzela into esukuba sicela yona. 36Wayesiti kubo: Ninga ndinganenzela nto nina? 37Baye besiti kuye: Sipe okokuba sihlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo kuwe, ebungcwaliseni bako. 38Koko u‐Yesu wati kubo: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endisela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na? 39Baye besiti kuye: Singenje njalo. Wati ke u‐Yesu kubo: Londebe okunene endisela kuyo mna, niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo; 40kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona.
41Baza bati abalishumi bakuva oku, baqala ukuqumbela u‐Yakobi no‐Johane kakulu. 42Koko u‐Yesu wababiza wati kubo: Niyazi ukuba abo babalwayo ngokuba zinkosi zabaheyideni bayabapata ngobukosi, nokuba abakulu babo bayenza ngegunya pezu kwabo. 43Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, woba ngumkonzi wenu; 44nowakuni osukuba efuna ukuba ngowokuqala, woba sisicaka sabo bonke: 45ngokuba nonyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi.
46Baza bafika e‐Jeriko: kwakute nxa ebepuma e‐Jeriko, kwa nabadisipile bake, nento eninzi yabantu, u‐Baratimeyu oyimfama, unyana ka‐Timeyu, wabehleli ngasendleleni enqiba. 47Wati akuva ukuba ngu‐Yesu wase‐Nazarete, waqala ukudanduluka nokuti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. 48Baza abaninzi bamyala, ukuba ati tu: kodwa wayedanduluka ngento enkulu ngakumbi, esiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum. 49Waza wema u‐Yesu waxela ukuba makabizwe: basuka bambiza oyimfama, besiti kuye: Yomelela; vuka, uyakubiza. 50Waselelahla ingubo yake, wesuka, weza ku‐Yesu. 51Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unga ndingakwenzela nto nina? Wayesiti oyimfama kuye: Raboni! ndinga ndingamkela ukubona kwam. 52Wayesiti u‐Yesu kuye: Hamba; ukolo lwako lukupilisile. Waza kwa oko wamkela ukubona kwake, wamlandela u‐Yesu endleleni.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 10: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: