Ivangeli ka‐Maraki 11
11
1KEKALOKU xeshekweni basondelayo e‐Yerusaleme, e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni yeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake, 2wati kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose niti ke nakungena kuwo, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungahlalanga namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise. 3Nokuba umntu uti kuni: Yinina ukuba nenze oku? yitini: Inkosi iyalifuna; wosel’ elituma apa ke. 4Basuka bemka, baya balifumana iqwaṙashana libotshelelwe ngaselucangweni ngapandle ekuhlanganeni kwendlela, balikulula. 5Baza inxenye yababemi kona bati kubo: Nenza nto nina nikulula nje iqwaṙashana? 6Koko batsho kubo kwa njengokuba ebeyalele u‐Yesu: baza babayeka. 7Bandula balizisa iqwaṙashana ku‐Yesu, baposa pezu kwalo ingubo zabo; waza wahlala pezu kwalo. 8Bati abaninzi bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amagatya emitini, bawandlala endleleni. 9Baza abo babe behamba pambili, nabo babe belandela, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova! 10Mabutanyusanqeliswe ubukumkani bobawo wetu u‐Davide, obuzayo egameni likayehova! Hosana enyangweni yapezulu!
11Waza u‐Yesu wangena e‐Yerusaleme, nasetempileni; wati akusingasingela zonke izinto, kuse kuhlwile nje, wapuma waya e‐Betaniya kunye nabalishumi linababini.
12Kekaloku ngomhla olandelayo, nxa bebepumile e‐Betaniya, walamba. 13Wati akubona umkiwane ekude, unamagqabi, weza ukuba umhlaumbi wofumana into kuwo; (wati akufika kuwo, wafumana amagqabi kwapela;) ngokuba bekungelixesha lamakiwane. 14Waza wapendula u‐Yesu, wati kuwo: Makungabi satyiwa ngumntu isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Babesiva ke abadisipile bake.
15Baza bafika e‐Yerusaleme: waza u‐Yesu engene etempileni waqala ukugxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe, 16engavumeli nokuba umntu acande etempileni etwele impahla. 17Wati kanjalo wafundisa, esiti kubo: Akuba̔liwe na ukuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kuzo zonke intlanga? kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
18Baza beva ababa̔li nabaperisite abakulu, bafuna ukuba boti nina ukumbubisa; ngokuba bebemoyika, kuba isihlwele sonke sibe simangaliswa pezu kwesifundiso sake.
19Waza wati, nxa kuse kuhlwile, wapuma pandle kwesixeko.
20Kekaloku kwakusa, bakudlula, babona umkiwane ukuba ubunile kwada kwasezingcanjeni. 21Waza u‐Petrosi ekumbule nje wati kuye: Rabi! kangela, umkiwane owabuqalekisa wona ubunile. 22Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Yibani nokolo kutixo. 23Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Osukuba esiti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; aze angatandabuzi entliziyweni yake, koko akolwe ukuba izinto azitetayo ziyenzeka; uya kuba nako oko asukuba esitsho kona. 24Ngenxa yoku nditi kuni: Zonke izinto enisukuba nizicela nitandaza, kolwani ukuba niyazamkela, naniya kuba nazo. 25Naxeshekweni nimi nitandaza, xolelani, ukuba ninendawo ngasemntwini; ukuze ati noyihlo osezulwini anixolele nina iziposo zenu. 26Kodwa ukuba nina anixoleli, kanjalo uyihlo osezulwini akayi kunixolela iziposo zenu.
27Baza babuya bafika e‐Yerusaleme: kekaloku akuhamba etempileni, kweza kuye abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala, 28bati kuye: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe, lokuba ezizinto uzenze? 29Koko u‐Yesu wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindipendule, ndandiya kunixelela kungelanina igunya endizenza ezizinto: 30Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina? ndipenduleni. 31Baza batelekelela ngokwabo, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? 32Koko ukuba siti: Ebantwini; bebesoyika abantu; ngokuba kwa bonke bebembala u‐Johane ukuba ebengumprofite ngokwenyaniso. 33Baza bapendula bati ku‐Yesu: Asazi. Wapendula no‐Yesu wati kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: