Ivangeli ka‐Maraki 15
15
1KWAZA kwati kwakusa, basebecebisana abaperisite abakulu kunye nabo abadala nababa̔li, kwa nayo yonke intlanganiso yamapakati, abati bakuba bemnxibile u‐Yesu, bamsa bamnikela ku‐Pilati.
2Waza u‐Pilati wambuza, esiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wapendula wati kuye: Utsho wena. 3Kekaloku abaperisite abakulu bebemnika ityala ngento ezininzi. 4Waza u‐Pilati wabuya wambuza, esiti: Akupenduli nto na? kangela, izinto zininzi kangakanana abazinqi̔nayo ngakuwe. 5Kodwa u‐Yesu akasapendula nto; wada wati nqa u‐Pilati.
6Kekaloku ngomtendeleko lowo ebebakululela umbanjwa wamnye, kwa lowo bamcelayo. 7Kwaye kuko umntu okutiwa ngu‐Baraba, enxityiwe ndawonye nabo babesenza impitimpiti kunye naye, abebete kulompitimpiti benza umbulalo. 8Saza samemeza isihlwele, saqala ukucela ukuba enze njengokuba ebefuda esenza kubo. 9Koko u‐Pilati wapendula kubo, esiti: Nifuna ukuba ndinikululele ukumkani wama‐Juda na? 10Ngokuba ebesazi ukuba abaperisite abakulu bebemnikele ngomona.
11Kodwa abaperisite abakulu bavusa isihlwele, ukuba ngokukumbi makabakululele u‐Baraba. 12Wapendula ke u‐Pilati, wabuya wati kubo: Pofu nifuna ukuba nditi nina kulowo niti ungukumkani wama‐Juda? 13Babuya badanduluka, besiti: Mkuruseshe yena. 14Koko u‐Pilati wabesiti kubo: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa badanduluka kakulu ngakumbi, besiti: Mkuruseshe yena. 15Waza u‐Pilati, efuna ukunga angancamisa isihlwele, wabakululela u‐Baraba; wati u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe.
16Aza amasodati amr̔ola aya pakati ekusini, kwelendlu yenkosi, abizela ndawonye lonke ibandlalawo. 17Aza amambatisa isivato esibomvu, ati akuba elukile isitsaba semitolo, asifaka kuye, 18aqala ukumbulisa, esiti: A, kumkani wama‐Juda! 19Kanjalo ambeta entloko ngengcongolo, amtshicela, aza aguqa ngamadolo ambedesha. 20Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato esibomvu, amambatisa ezake ingubo; aza amr̔olela pandle, ukuze amkuruseshe.
21Aza anyanzela umntu obedlula kona, u‐Simone wase‐Kirene, evela ezindleni, uyise bo‐Aletsandere no‐Rufusi, ukuba atwale ikuruse yake. 22Aza amzisa endaweni e‐kutiwa yi‐Gologota, okukuti ngokukunyushwa, yindawo yenkankani; 23amnika iveyine ipitikeziwe nemore, ukuba asele; koko engayamkelanga. 24Ati akuba ebemkuruseshile, azaba ingubo zake, esenza amaqashiso pezu kwazo, okuba asuse nto nina ngamanye. 25Yabiyiyure yesitatu ke, nxa amkuruseshayo.
26Saye siba̔lelwa pezulu isiba̔lwa setyala lake sokuti: Ukumkani wamajuda.
27Kwaye kukuruseshwa ndawonye naye amabada amabini, elinye ngasekunene, nelinye ngasekohlo kuye. 28Saza sazaliseka isiba̔lo esiti: Wabalwa nabagqita umteto.
29Baza abo babedlula bamgxeka, behlunguzela intloko zabo, besiti nokuti: He ke! wena uyici̔tayo itempile, ubuye uyake pakati kwentsuku ntatu, 30zisindise, uze uhle ekuruseni! 31Kwa njalo ke nabaperisite abakulu, behleka pakati kwabo, kunye nababa̔li, bebesiti: Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise: 32u‐Kristu, ukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, size sibone sikolwe nokukolwa. Kanjako abo babekuruseshwa ndawonye naye bebemtuka.
33Kwati kwakufika iyure yesitandatu, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba.
34Waza ngeyure yesitoba wakala u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eloi! Eloi! lama sabaketani? okukuti ngokukunyushwa: Tixo wam! Tixo wam! undishiyele nina? 35Baye besiti inxenye yabemi kufupi, bakuva: Bona ke, uyabiza u‐Elija. 36Wagidima ke omnye, waya wazalisa ikepekepe ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza, esiti: Yekani, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumtula.
37Wati ke u‐Yesu waku̔pa ilizwi elikulu, waqauka umpefumlo.
38Laza ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi.
39Kekaloku inkosikulu ebimi kufupi malungana naye, yakubona ukuba wadanduluka njalo waqauka umpefumlo, yati: Ngenyaniso umntu lo ebengunyana katixo.
40Kwaye kuko nabafazi bebonela bekude, owayeko pakati kwabo no‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi omncinane no‐Jose, no‐Salome, 41(ababete kanjalo, okuya abese‐Galili, bamlandela, bamkonza nokumkonza,) nabanye abafazi abaninzi abebenyukele e‐Yerusaleme kunye naye.
42Kwati kwakuba kuse kuhlwile, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, okukuti, yimini epambili kuyo isabata, 43kweza u‐Josefe, owase‐Arimateya, umpakati odumileyo, obelinda ubukumkani bukatixo naye, wakalipa wangena ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu. 44Kekaloku u‐Pilati wati nqa ukuba usel’ efile; waza wabiza inkosikulu, wabuza kuyo ukuba kwasekumzuzu efile na. 45Wati akwazi ngenkosikulu, wampa u‐Josefe umzimba. 46Waza watenga iqiya eshiceneyo, wamtula, wamsongela kuloqiya eshiceneyo, wamlalisa encw̔abeni ebelimbiwe eweni, waliqengqa ilitye ngasemnyango wencw̔aba. 47Kekaloku u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Jose, bebebonela apo wayebekelwa kona.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: