Ivangeli ka‐Maraki 16
16
1KWATI kwakuba kudlulile isabata, u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, no‐Salome, batenga izimnandi, ukuze beze bamtambise. 2Bati kwa kusasa nje ngolwokuqala usuku lweveki, beza encw̔abeni lakupuma ilanga. 3Baye besiti omnye kwomnye: Ngubanina oya kusiqengqela ilitye kuwo umnyango wencw̔aba? 4(kekaloku bakubeka pezulu, babona ukuba ilitye liqengqiwe:) ngokuba libe likulu kakulu.
5Baza bangena encw̔abeni, babona indodana ihleli pantsi kwelokunene icala, yambete ingubo ende emhlope; babetwa livuso ke. 6Kodwa yati kubo: Musani ukuba nevuso; niyamfuna u‐Yesu um‐Nazarete obekuruseshiwe; uvukile, akako apa; kangelani indawo apo bambekela kona. 7Ize nihambe ke, nixelele abadisipile bake, no‐Petrosi, ukuba uyanandulela ukuya e‐Galili; kwa lapo niya kumbona, njengokuba etshilo kuni. 8Baza bapuma ngokukauleza, babaleka encw̔abeni; bebebanjwa kukungcangcazela nakukumangaliswa ke; abaxelela mntu into kanjalo; ngokuba bebesoyika.
9Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebevukile kusasa ngolwokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala ku‐Mariya wase‐Magadala, owabeku̔pile kuye idemoni zasixe̔nxe. 10Waya lowo washumayela kubo abebefuda benaye, belusizi belila nokulila. 11Bati abo bakuva ukuba uhleli, nokuba wabonwa nguye, abakolwa.
12Nasemveni kwoko wazibonakalisa ngesimilo simbi kwababini kubo, nxa bebehamba, besiya ezindleni. 13Baya nabo bashumayela kwabanye; abakolwa nangabo.
14Wati kamva wazibonakalisa kubo abalishumi linamnye behleli ekutyeni, watetisa ukungakolwa kwabo nobulukuni bentliziyo, ngenxa yokuba bebengakolwanga ngabo babembonile evukile.
15Waza wati kubo: Hambani niye elizweni lonke, nishumayele ivangeli kulo lwonke uluntu. 16Okoliweyo wabapitizeshwa, uya kusindiswa; kodwa ongakoliweyo, uya kugwetywa. 17Kanjalo lemiqondiso iya kulandela abo bakoliweyo: Ngegama lam boziku̔pa idemoni; baya kuteta ngenteto ezintsha; 18baya kucola inyoka; nokuba bayasela into enokubulala, ayisayi kubenzakalisa; bobeka izandla pezu kwabafayo, babeya kuzuza ukupila.
19Kwa nje ke inkosi, emveni kwokuba ibitetile kubo, yamkelwa ezulwini, yahlala pantsi ngasekunene kwotixo.
20Bapuma ke abo bashumayela ezindaweni zonke, inkosi isebenza kunye nabo, iqinisa nelizwi ngemiqondiso elilandelayo. Amene.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 16: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: