U‐Nehemiya 9:19-21

U‐Nehemiya 9:19-21 XHO1902A

wati wena noko, ngezibele zako ezininzi, akwabashiya entlango: intsika yelifu ibingemki kubo emini, ize ibakokele endleleni; kwa nentsika yomlilo ebusuku, ize ibakanyisele, nendlela abaya kuhamba ngayo. Kanjalo wanika UMOYA wako olungileyo ukubafundisa; akwabamba imana yako emlonyeni wabo, wabapa amanzi ngenxa yokunxanwa kwabo; wabanqaka entlango iminyaka yamashumi mane, abaswela luto; izivato zabo bezingenakuguga, nenyawo zabo azadumba.