Imibalo 14
14
1Yasuka yakala yonke intlanganiso, yakupa ilizwi labo; bati abantu balila ngobusuku obo. 2Lwaza lwonke usapo luka‐Sirayeli lwaṙoṙa ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone; kanjalo yonke intlanganiso yati kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete! umhlaumbi akwaba sabesifele kulentlango! 3Kunganina ke ukuba uyehova usizisile kwelilizwe, size siwe ngesiṙele, bati abafazi betu, nentsapo zetu, babe lixoba? Kanene akungesilungele ukubuyela e‐Jipete na? 4Baza bati omnye kwomnye: Masidale intloko, sibuyele e‐Jipete.
5Bandul’ ukuwa u‐Mosesi no‐Arone ngobuso babo, pambi kwawo wonke umhlambi wentlanganiso yosapo luka‐Sirayeli. 6Bati no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, no‐Kalebi unyana ka‐Jefune, bengabakubo ababepandile ilizwe, baṙazula izivato zabo; 7bateta kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, besiti: Elozwe, esibe sicanda kulo silipande, lilizwe elilungileyo kakulu kunene. 8Ukuba uyehova uyasitanda, uya kwandula asizise kwelolizwe, alinike kuti; ilizwe elela ubisi nobusi. 9Zeniti kodwa ningamvukeli uyehova, nabantu belozwe ningaboyiki; ngokuba besisonka setu; kumkile kubo umtunzi wabo, uyehova unati; ningaboyiki. 10Yati kodwa yonke intlanganiso: Mabagityiselwe ngamatye.
Kwandul’ ukubonakala ubungcwalisa bukayehova ententeni yentlangano, pambi kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli. 11Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Kude kube ninina ababantu bondidela? nakude kube ninina bangakolwa ndim, ngenxa yayo yonke imiqondiso endiyenzileyo pakati kwabo? 12Ndiya kubabeta ngesifo esibubisayo, ndibagqogqe nokubagqogqa; ndandiya kukwenza wena ube luhlanga olukulu nolunamandla pezu kwabo.
13Kuloko u‐Mosesi wati kuyehova: Kwohla kuvakale kuma‐Jipete, (ngokuba ubanyusile ngamandla ako ababantu kwa pakati kwawo,) 14ati wona axele kubo abemi belilizwe, abavile ukuba wena, Yehova! upakati kwabo ababantu, ukuba wena, Yehova! uyabonwa iliso kwiliso, nokuba ilifu lako limi pezu kwabo, nokuba uyandulela kubo ngentsika yelifu emini, nangentsika yomlilo ebusuku. 15Nxa uya kububisa ababantu njengomntu mnye, ziya kwandula ukutsho intlanga ezivileyo udumo lwako, zisiti: 16Ngenxa yokuba ebekohlwa uyehova kukuzisa ababantu kwelozwe wabefunga ngalo kubo, kukona ababulele entlango. 17Kaloku maaze amandla enkosi abe makulu, njengokuba ubuteta ngokuti: 18Uyehova uqumba kade, emkulu ngobubele, exolela inkohlakalo nesigqito, engake agwebele onetyala, esohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana. 19Uze uke uxolele inkohlakalo yababantu, njengobukulu bobubele bako, nanjengokuba ubaxolele ababantu kwa se‐Jipete kwada kwalapa.
20Waza wati uyehova: Ndibaxolele njengelizwi lako. 21Kodwa noko, ndihleli nje mna, kwozaliswa bubungcwalisa bukayehova umhlaba wonke. 22Ngokuba onke lomadoda abonileyo ubungcwalisa bam, nemiqondiso yam, endibe ndiyenza e‐Jipete nasentlango apa, endilingile elishumi lamaxesha, engapulapulanga ilizwi lam; 23ngenyaniso akasayi kubona elozwe ndibafungele oyise bawo ngalo; kanjako bonke abandidelileyo abasayi kulibona. 24Kanti isicaka sam u‐Kalebi, ngokuba ebenomoya wumbi kuye, wakolisa ukundilandela, yena ndiya kumzisa kwelozwe apo wabesiya kona; kanjalo inzalo yake yolifuya. 25Kodwa ama‐Amaleki naba‐Kanane bahleli emhlanjeni; jikani ngomso, nihambele ngasentlango, ngendlela yaselwandle olubomvu.
26Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 27Kwoda kube ninina endiya kunyamezela lentlanganiso ekohlakeleyo, eṙoṙayo ngakum? Ukuṙoṙa kwosapo luka‐Sirayeli olundiṙoṙelayo ngako ndikuvile. 28Yiti kulo: Ndihleli nje, utsho uyehova, njengokuba nitetile ezindlebeni zam, ndiya kwenje njalo kuni. 29Kwa kulentlango ziya kuwa izidumbu zenu; nabo bonke ababalweyo benu, ngalo lonke inani lenu, bengabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, abaṙoṙileyo ngakum, — 30nina okunene aniyi kungena kwelozwe, endandipakamisa isandla sam sokuba ndonihlalisa kulo, kupela ngu‐Kalebi unyana ka‐Jefune, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune. 31Kanti intsapo zenu, enibe nisiti zoba lixoba, zona ndiya kuzingenisa, zize zilazi ilizwe elilahliweyo nini. 32Kodwa nina, izidumbu zenu ziya kuwa kulentlango. 33Nabantwana benu bona bodungudela entlango le iminyaka imashumi mane, batwale imibulo yenu, kude kugqityelwe izidumbu zenu entlango apa. 34Njengenani lemihla enanipanda ilizwe ngalo, imihla emashumi mane, umhla mnye usendaweni yomnyaka mnye, niya kutwala inkohlakalo zenu, kwa iminyaka emashumi mane; naniya kukwazi ukwahlukana kwam. 35Mna Yehova nditetile; ngenyaniso lento ndiya kuyenza kuyo yonke lentlanganiso ekohlakeleyo, abazihlanganisele ngakum: kulentlango baya kugqibeka, nakona apo baya kububa.
36Kekaloku amadoda abewasusile u‐Mosesi ukuya kupanda ilizwe, aza abuya, aṙoṙisa ngakuye yonke intlanganiso, ngokuvelisa intlebo pezu kwelozwe, 37kwa lamadoda abevela nentlebo embi ngelolizwe, abuba ngesibulalo ebusweni bukayehova. 38Kodwa u‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, no‐Kalebi unyana ka‐Jefune, bona babesahleli kuwo amadoda lawo abeyile ukupanda ilizwe.
39Waye u‐Mosesi wateta lamazwi kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: bati abantu balila kakulu. 40Baza bavuka kusasa, benyukela engcopo yentaba, besiti: Nanku silapa nje, sasiya kunyuka siye kulondawo atetileyo uyehova ngayo; ngokuba sonile. 41Koko u‐Mosesi wati: Kunganina lento niya kugqita ilizwi likayehova? ngokuba oko kungayi kutamsanqeleka. 42Maningenyuki, ngokuba uyehova engeko pakati kwenu; ukuze ningoyiswa pambi kwentshaba zenu. 43Ngokuba ama‐Amaleki naba‐Kanane sebekona pambi kwenu, naniya kuwa ngesiṙele: ngenxa yokuba nipambukile kuyehova, kukona uyehova angayi kubako nani. 44Balinga nger̔atshi noko ukunyukela engcopo yentaba; kodwa ityeya yocebano lukayehova ayisukanga pakati kwomnquba, no‐Mosesi kanjalo.
45Kwaza kwehla ke ama‐Amaleki naba‐Kanane abebehlala kulontaba, bababeta, babacita, kwada kwase‐Horema.
Currently Selected:
Imibalo 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: