Imibalo 15
15
1WANDULA wateta uyehova ku‐Mosesi esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Nxa niya kuza elizweni lamakaya enu, endinipa lona; 3ukuba niya kuwenza umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, idini lokutshiswa, umhlaumbi umbingo, ngokufeza isibambiso, umhlaumbi ngesisa, umhlaumbi emitendelekweni yenu, kuze kwenziwe ivumba elimnandi kuyehova, kwezinkulu umhlaumbi kwezincinane inkomo: 4makati lowo onikelayo umnikelo wake kuyehova, asondeze umnikelo wokudla weseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngesesine isiqingata sehine yeoli; 5neveyine yomnikelo wokusela, uya kulungisela idini lokutshiswa, umhlaumbi umbingo, isiqingata sesine sehine, ibe yeyemvana nye. 6Ukuba yinkunzi yegusha, uya kulungisela yona umnikelo wokudla wezeshumi iziqingata zibe zibini zeyefa yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngesiqingata sesitatu sehine yeoli; 7neveyine yomnikelo wokusela, uya kunikela isiqingata sesitatu sehine, libe livumba elimnandi kuyehova. 8Naxeshekweni niya kuyenza inkunzana ibe lidini lokutshiswa, umhlaumbi umbingo wokufeza isibambiso, umhlaumbi owoxolo kuyehova; 9makasondeze nenkunzana umnikelo wokudla wezeshumi iziqingata zibe zitatu zeyefa yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngesiqingata sehine yeoli; 10nomnikelo wokusela uya kusondezela wona isiqingata sehine yeveyine, ube ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova. 11Kuya kwenziwa njalo ngenkomo nye, umhlaumbi ngenkunzi nye yegusha, umhlaumbi ngemvana, umhlaumbi ngetakane lebokwe. 12Njengenani leniya kuzilungisa, niya kwenje njalo kwezinye ngezinye njengenani lazo. 13Bonke abazelwe elizweni bozenje njalo ezizinto, ukunikela umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
14Naxeshekweni kupambukele kuni owasemzini, umhlaumbi osukuba epakati kwenu, ngezizukulwana zenu, oya kuwenza umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova, njengokuba nisenza nina, uya kwenje njalo naye. 15Ummiso okwa mnye woba kuni bomhlambi, nakowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, ube ngummiso ongunapakade ezizukulwaneni zenu: njengokuba ninjalo nina, woba njalo nowasemzini pambi kwoyehova. 16Umteto okwa mnye nesiko elikwa linye loba kuni, nakowasemzini opambukeleyo pakati kwenu.
17Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 18Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Nxa niya kufika ezweni apo ndinizisayo kona, 19kwoti ke, nxa niya kutya kuso isonka somhlaba, niya kunikela umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova. 20Niya kunikela ngesonkana sesiqalo sentlama yenu, sibe ngumnikelo wokufunqufunqulwa: njengomnikelo wokufunqufunqulwa wesibaya sokubula niya kunikela naló. 21Kwisiqalo sentlama yenu niya kunika kuyehova umnikelo wokufunqufunqulwa, ngezizukulwana zenu.
22Kanjako nxa niposisile, ningenzanga ngayo yonke lemiyalelo, ayitetileyo uyehova ku‐Mosesi; 23yonke uyehova aniyalele yona ngesandla sika‐Mosesi, kwa semhleni abemyalela uyehova, nakude kwakaloku, ngezizukulwana zenu; 24kwoti ke, ukuba kwenziwe into ngesiposo, efihliweyo emehlweni entlanganiso, iya kwandula yonke intlanganiso inikele inkunzana elitole lenkomo ibe nye, ibe lidini lokutshiswa, libe livumba elimnandi kuyehova, kunye nomnikelo wokudla wayo nowokusela wayo, njengesiko, kwa netakane lebokwe libe linye, libe lidini lesono. 25Waye umperisite eya kwenzela yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli uxoliso, kuze kuluxolelwe: ngokuba sisiposo; lwaluya kuzisa umnikelo walo, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, nedini lesono lalo, pambi, kwoyehova, ngenxa yesiposo salo: 26kwandule kuxolelwe yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, nowasemzini opambukeleyo pakati kwalo; ngokuba bekuhlela bonke abantu ngesiposo.
27Kanjako ukuba kuko umntu osukuba esona ngesiposo, lowo uya kuzisa ibokwe eyimazi yomnyaka mnye, ibe lidini lesono. 28Woti umperisite amenzele umntu oposisayo uxoliso, akwona ngesiposo ebusweni bukayehova, aze amxolisele; waeya kuxolelwa, 29ozelweyo pakati kwosapo luka‐Sirayeli, nowasemzini opambukeleyo pakati kwalo, noba nomteto okwa mnye kowenzayo ngesiposo.
30Kodwa lowamntu owenzayo ngesandla esipakamileyo, nokuba ungozelweyo elizweni, nokuba ungowasemzini, oyena uyagxeka uyehova; ngako umntu lowo wonqanyulwa pakati kwabantu bake. 31Ngokuba ilizwi likayehova elidelile, nomyalelo wake ewapule, kukona aya kugqityelwa ukunqanyulwa umntu lowo; inkohlakalo yake yoba pezu kwake.
32KEKALOKU usapo luka‐Sirayeli lwakuba sentlango, lwafumana indoda iteza inkuni ngemini yesabata. 33Bati abo bayifumeneyo iteza inkuni, bayizisa ku‐Mosesi, naku‐Arone, nakuyo yonke intlanganiso. 34Baye beyifaka entolongweni, ngokuba bekungashunyayezwa into iya kwenzelwa yona. 35Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Iya kufiswa ngenyaniso indoda leyo; yonke intlanganiso yoyigibisela ngamatye ngapandle kwomnquba. 36Yaza yonke intlanganiso yayikupela ngapandle kwomnquba, yayigibisela ngamatye, yada yabuba; njengokuba uyehova wabemyalela u‐Mosesi.
37WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 38Teta nosapo luka‐Sirayeli, niluxelele ukuba maluzenzele imiqukumbelo emasondweni engubo zalo, ngezizukulwana zalo; nokuba lubeke pezu kwemiqukumbelo yamasondo usinga lwezuluṙa; 39eniya kuba nalo kuyo imiqukumbelo, ukuba nilukangele, nokuba niyikumbule yonke imiyalelo kayehova, niyenze; nokuba ningalandeli okweyenu intliziyo nokwawenu amehlo, enibe niṙexezela emva kwako; 40ukuze niyikumbule niyenze yonke imiyalelo yam, nibe ngabangcwele kutixo wenu. 41Mna ndi nguyehova, utixo wenu, onikupileyo ezweni le‐Jipete, ndize ndibe ngutixo kuni: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
Currently Selected:
Imibalo 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: