Imibalo 18

18
1WAZA wati uyehova ku‐Arone: Wena, nonyana bako, nendlu kayihlo kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yeyingcwele indawo; kanjalo wena, nonyana bako kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yobuperisite benu. 2Nakanjako, abazalwana bako, isizwe sika‐Levi, isizwe soyihlo, ubasondeze nawe, ukuze babandakanyelwe kuwe, bakukonze: kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, noba pambi kwentente yesinqi̔no. 3Babeya kugcina isigcinelo sako, nesigcinelo sentente yonke; koko bengayi kusondela kuzo impahla zeyingcwele indawo, nakuso isibingelo, ukuba bangafi, kwa bona, nani kanjalo. 4Bobandakanyelwa kuwe, bagcine isigcinelo sayo intente yentlangano, kuyo yonke inkonzo yentente: kanti owasemzini akayi kusondela kuni. 5Naniya kugcina isigcinelo seyingcwele indawo, nesigcinelo sesibingelo; kuze kungabuyi kubeko umsindo pezu kwosapo luka‐Sirayeli. 6Ngokuba mna, bona ke, nditabatile abazalwana benu, aba‐Levi, kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli; basisipiwo kuni bepiwa uyehova, ukuba bayenze inkonzo yayo intente yentlangano. 7Kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, niya kugcina ubuperisite benu kuzo zonke izinto zesibingelo, nakokwapakati kwekuselo; naniya kukonza: ubuperisite benu ndibunikile bube yinkonzo yokupiwa; nowasemzini osondelayo yena uya kufiswa.
8Walekela wateta uyehova ku‐Arone, esiti: Mna, bona ke, ndandikunikile ukugcinelwa kweminikelo yam yokufunqufunqulwa; eyazo zonke izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli ndiyinikile kuwe ngenxa yokutanjiswa, nakubo onyana bako, ngommiselo ongunapakade. 9Oku kwoba kokwako kwizinto ezingcwelekazi zivela emlilweni: yonke iminikelo yalo, kwa yonke iminikelo yokudla yalo, nawo onke amadini esono alo, nawo onke amadini etyala alo, oluya kuyinikela kum; kwoba yingcwelekazi kuwe oku, nakubo onyana bako. 10Kweyingcwele yezingcwele indawo uya kukudla; onke amadoda aya kukudla; kwoba yingcwele kuwe. 11Oku kokwako nako: umnikelo wokufunqufunqulwa wokupa kwalo, kunye nayo yonke iminikelo yokushukushukunyiswa yosapo luka‐Sirayeli; ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade; bonke abacocekileyo endlwini yako baya kutya oko. 12Bonke ubunqata beoli, nabo bonke ubunqata beveyine, nobenqolowa, iziqalo zazo, oluya kuzinika kuyehova, ndikunikile zona. 13Ulibo lwako konke okusemhlabeni walo, oluya kuluzisa kuyehova, lwoba lolwako; bonke abacocekileyo endlwini yako baya kuludla. 14Konke okwahlukanisiweyo kwa‐Sirayeli kwoba kokwako. 15Konke ekuzityulwa ngako pakati kwenyama yonke, abaya kukusondeza kuyehova, pakati kwabantu, napakati kwezilo, kwoba kokwako; kodwa amazibulo abantu uya kugqibela ukuwakulula, namazibulo ezilo ezinco̔lileyo uya kukulula wona. 16Nabo abaya kukululwa pakati kwabo, ababudala buyinyanga nye uya kubakulula, ngokulinganisa kwako, ngemali yeshekele ezintlanu, ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo: zigera ezimashumi mabini yona. 17Kodwa izibulo lenkomo, umhlaumbi izibulo legusha, umhlaumbi izibulo lebokwe, akuyi kuwakulula; ayingcwele wona: igazi lawo uya kulisasaza pezu kwesibingelo, nenqata lawo uya kulitshisa libe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova. 18Kanti inyama yawo yoba yeyako; njengesifuba sokushukushukunyiswa, nanjengowokunene umkono, yoba yeyako. 19Yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yezinto ezingcwele, oluya kunikela ngayo usapo luka‐Sirayeli kuyehova, ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade: lucebano lwetyuwa olungunapakade, pambi kwoyehova, kwa kuwe nakwinzalo yako kunye nawe.
20Wati uyehova kanjalo ku‐Arone: Akuyi kulamkela ilifa elizweni lalo, akuyi kuba naso isabelwa pakati kwalo kanjako; mna ndisisabelwa sako nelifa lako pakati kwosapo luka‐Sirayeli. 21Nakubo onyana baka‐Levi, bona ke, ndinikile zonke izishumi kwa‐Sirayeli zibe lilifa, ngenxa yenkonzo yabo abakonza ngayo, kwa inkonzo yentente yentlangano. 22Kanjalo malungapindi usapo luka‐Sirayeli ukusondela ententeni yentlangano, hleze lutwale isono, lufe ke. 23Kodwa aba‐Levi bona baya kuyenza inkonzo yentente yentlangano, batwale nokutwala inkohlakalo yabo: kwoba ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu, ukuba bangalamkeli ilifa pakati kwosapo luka‐Sirayeli. 24Ngokuba izishumi zosapo luka‐Sirayeli, oluya kunikela ngazo umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova, ndizinikile kuba‐Levi zibe lilifa; ngako oko ndite kubo: Pakati kwosapo luka‐Sirayeli abayi kulamkela ilifa.
25Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 26Teta kanjalo kuba‐Levi, uti kubo: Noti nakuzamkela kulo usapo luka‐Sirayeli izishumi, endizinikileyo kuni zivela kulo zibe lilifa lenu, nandule ninikele ngazo umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova, isishumi sezishumi ezo; 27esiya kunibalelwa ukuba ngumnikelo wokufunqufunqulwa wenu, njengenqolowa ivela esibayeni sokubula, nanjengobuzala buvela esincinezelweni seveyine. 28Kwa njalo niya kunikela nani umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova kuzo zonke izishumi zenu, eniya kuzamkela kulo usapo luka‐Sirayeli; naniya kunika kwa kuzo umnikelo wokufunqufunqulwa kayehova ku‐Arone umperisite. 29Kuzo zonke izipiwo zenu niya kunikela yonke iminikelo yokufunqufunqulwa kayehova; kubo bonke ubunqata bazo, kokuyingcwele yazo kwa kuzo. 30Ngako uya kuti kubo: Nxa ninikeleyo ubunqata bazo kwa kuzo, kuya kwandula ukubalelwa aba‐Levi njengenzuzo yesibaya sokubula, nanjengenzuzo yesincinezelo seveyine. 31Naniya kudla oko kuzo zonke indawo, nina nendlu yenu: ngokuba kungumvuzo kuni ngenxa yenkonzo yenu ententeni yentlangano. 32Aniyi kutwala isono pezu kwako, nakunikela ubunqata bako kwa kuko; kanjalo aniyi kudyoba izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, nize ningafi.

Currently Selected:

Imibalo 18: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena