Imibalo 4
4
1Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 2Tabata inani lonyana baka‐Kohati, pakati kwabo onyana baka‐Levi, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, 3abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ukuba bawenze umsebenzi ententeni yentlangano.
4Yoba yilé inkonzo yonyana baka‐Kohati ententeni yentlangano, kweyingcwele yezingcwele: 5Ekundulukeni kwomnquba, kwoza u‐Arone nonyana bake, batule ikuselo lelengalenga, bayigubungele ngalo ityeya yesinqi̔no: 6bandule babeke pezu kwayo isigubungelo sezintsu zamacelesi, bayandlale kwa pezulu iqiya yezuluṙa lipela, bafake izibonda zayo. 7Napezu kwetafile yezonka zokubonakala baya kwandlala iqiya, babeke pezu kwayo izikotile, nezitya, nendebe, nebekile, ekuya kugalelwa ngazo; kanjalo isonka esifuti soba pezu kwayo; 8bandule bandlale pezu kwazo iqiya yesibomvu, bagubungele yona ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zayo. 9Babeya kutabata iqiya yezuluṙa, bagubungele ikandelare yesikanyiso, nezibane zayo, nezicimo zayo, nezipatelo zayo, nazo zonke izitya zeoli zayo, abakonzayo kuyo ngazo. 10Baya kubeka yona, nazo zonke impahla zayo, esigubungelweni sezintsu zamacelesi, baze bayibeke pezu kwesibonda sokutwala. 11Napezu kwesibingelo segolide baya kwandlala iqiya yezuluṙa, bagubungele yona ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zaso. 12Kanjako bozitabata zonke impahla zenkonzo, abakonzayo ngazo kweyingcwele indawo, bazibeke eqiyeni yezuluṙa, bazigubungele ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bazibeke pezu kwesibonda sokutwala. 13Baya kwandula basuse ututu esibingelweni, bandlale pezu kwaso iqiya yesimnyama; 14baze babeke pezu kwayo zonke impahla zaso, ezo bakonza kuso ngazo, izipatamlilo, neforoke, nezikotululo, nezitya zokufefela, zonke impahla zaso isibingelo; bati kanjalo bandlale pezu kwaso isigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zaso. 15Boti bakuba begqibile u‐Arone nonyana bake ukugubungela eyingcwele indawo, nazo zonke impahla zeyingcwele indawo, ekundulukeni kwomnquba; emveni kwoko, baya kuza onyana baka‐Kohati ukuza kutwala: kodwa mabangayicukumisi leyonto ingcwele, hleze bafe. Ezi zinto zingumtwalo wonyana baka‐Kohati ententeni yentlangano.
16Nokulinda kuka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, yioli yesikanyiso, nesiqumiso esimnandi, nomnikelo wokudla wemihla ngemihla, neoli yokutambisa; kwa ukulindwa kwayo yonke itabanakele, nokwako konke okukuyo, okweyingcwele indawo, nokwazo zonke impahla zayo.
17Waza wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 18Isizwe sezizalwane zama‐Kokati maningasinqamli pakati kwaba‐Levi; 19koko lento niya kuyenza kubo, ukuba bapile, bangafi nokufa, bakusondela kweyingcwele yezingcwele: u‐Arone nonyana bake baya kungena, babamise abanye ngabanye pezu kwenkonzo yabo nasekutwaleni kwabo. 20Kodwa abayi kungena ukuza kubona, nxa kugujungelwa okuyingcwele, hleze bafe.
21Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti: 22Tabata inani lonyana baka‐Gereshone nabo, ngendlu zoyise zabo, ngezizalwane zabo: 23abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, nbudala babo, wobabala: bonke abangenayo ukwenza ubukonzo, ukuba basebenze umsebenzi ententeni yentlangano. 24Yoba yilé inkonzo yezizalwane zama‐Gereshone, ekusebenzeni nasekutwaleni. 25Baya kutwala izikuselo zetabanakele, nentente yentlangano, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezintsu zamacelesi, esipezu kwaso ngapezulu, nelengalenga locango lwentente yentlangano; 26namalengalenga ebala, nelengalenga locango lwesango lebala, elingakuyo itabanakele nangakuso isibingelo ngento engqongayo; nentambo zazo, nazo zonke impahla zenkonzo yazo, nako konke okuzenzelweyo, ukuba bakonze ngazo. 27Yoba ngelizwi lika‐Arone nonyana bake yonke inkonzo yonyana bama‐Gereshone, kuko konke ukutwala kwabo, nakuko konke ukusebenza kwabo; naniya kubamisela ukugcinwa kwayo yonke imitwalo yabo. 28Yilé inkonzo yezizalwane zonyana baka‐Gereshone ententeni yentlangano: nesigcinelo sabo, soba ngapantsi kwesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite.
29Onyana baka‐Merari, uya kubala bona ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo: 30abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, wobabala; bonke abangenayo kobubukonzo, ukuba basebenze umsebenzi wasententeni yentlangano. 31Nasi isigcinelo sokutwala kwabo, ngako konke ukukonza kwabo ententeni yentlangano: iplanke zetabanakele, nemivalo yayo, nentsika zayo, neziseko zayo, 32kwa nentsika zebala ezilingqongayo, neziseko zazo, nezikonkwane zazo, nentambo zazo, kunye nazo zonke impahla zazo, nako konke okwenkonzo yazo; naniya kuzibala ngamagama impahla zesigcinelo sokutwala kwabo. 33Yilé inkonzo yezizalwane zonyana baka‐Merari, ngako konke ukukonza kwabo ententeni yentlangano, ngapantsi kwesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite.
34Baza bati u‐Mosesi, no‐Arone, nenkosi zentlanganiso, babala onyana bama‐Kohati, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo, 35abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano: 36baye ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, bengamawaka mabini anamakulu asixe̔nxe anamashumi mahlanu. 37Aba bangababalweyo bezizalwane zama‐Kohati, bonke abakonzayo ententeni yentlangano, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
38Kanjalo ababalweyo bonyana baka‐Gereshone, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo, 39abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano, 40kwa ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo, bebengamawaka mabini anamakulu matandatu anamashumi matatu. 41Aba bangababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Gereshone, bonke abakonzayo ententeni yentlangano, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova.
42Nababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Merari, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo, 43abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano, 44kwa ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, bebengamawaka matatu anamakulu mabini. 45Aba bangababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Merari, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
46Bonke ababalweyo, okuya u‐Mosesi no‐Arone, nenkosi zakwa‐Sirayeli, bababala aba‐Levi, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo, 47abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo ukuza kuwenza umsebenzi wobukonzo, nomsebenzi wokutwala, ententeni yentlangano, 48kwa ababalweyo babo, bebengamawaka asibozo anamakulu mahlanu anamashumi asibozo. 49Ngelizwi likayehova babebalwa, ngesandla sika‐Mosesi, abanye ngabanye ngokusebenza kwabo, nangokutwala kwabo: abo babalwayo nguye, bebengabo uyehova ebemyalele u‐Mosesi ngabo.
Currently Selected:
Imibalo 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.